Iminyaka emihlanu yeEFF

Ngomhla we26 kweyeKhala ngonyaka ka2013, kwiholo iUncle Tom’s kweleNduduma, iwaka elinesixa labalwela inkululeko kwezoqoqosho – bephuma kuwo onke amaphondo eli lizwe – ahlangana ukuza kuphendula owona mbuzo wakhe wabaluleka emveni kwenkululeko yezopolitiko ka1994.

Lo mbuzo, owakhutshwa ngomhla we11 kweyeSilimela ngo2013 wawusithi: “Kufuneka kwenziwe ntoni na?” yayingumbuzo oqulethe ucwaningo olunabileyo ngemo yempilo kweli loMzantsi Afrika, ingakumbi imo yempilo yabantu abamnyama.

Kwelo holo iUncle Toms, la maqhawe omzabalazo athatha isigqibo esiyakuhlala sihleli kwimbali yezopolitiko yeli lizwe, ukuba kuqulunqwe umbutho wezopolitiko oyakuthi uthwale uxanduva lokukhulula abantu beli lizwe, ingakumbi abantu abamnyama, kwiimbandezelo nakumatyathanga okuvalelwa ngaphandle kuqoqosho lweli lizwe.

Esi yaba sisigqibo esathi sazisa utshintsho ngendlela emangalisayo kwimo yezopolitiko kweli lizwe. Kwathi kungagqithanga zinyanga zingaphi, lo mbutho weEconomic Freedom Fighters (EFF) wangenela ugqatso lokhetho olwaba ngo2014, saze safumana inkxaso ekumyinge wesithandathu ekhulwini kwiziphumo zokhetho. Saxhaswa ziivoti zabemi beli ezingaphaya kwesigidi, saze sathumela endlwini yowisomthetho yeli abameli abangamashumi mabini anesihlanu, nabathandathu kwiNational Council of Provinces.

Abagxeki babexhaphe amagwebu besithi hayi, lo mbutho uzizithukuthuku nje zenja, ezizophelela eboyeni, kwaye akukho tshintsho lunokuziswa ngumbutho okhokelwa lulutsha.

Namhlanje, bafana neenkukhu ezisikwe imilomo, bakhwankqisiwe, amazwi omele emlonyeni kuba ukusukela ngo2013, iEFF ngowona mbutho ukhula ngokukhawulezileyo kweli lizwe.

Ukukhula kweEFF asiyonto ebimele iyamangalisa ke kodwa, kuba iEFF ingumbutho osekeleziselwe kumazantsi embilini yabantu abamnyama.

Ucwaningo lwemo yokuhlala yeli lizwe eyenziwa yiEFF ibonisa ukuba uninzi lwabantu bakuthi abanamisebenzi, amaziko emfundo abolile kukungafumani nkxaso kurhulumente, uninzi lwabantu bakuthi basebenzisa izibhedlele zikarhulumente, zibhedlele ezo ekungekho nkathalo kuzo.

IkwayiEFF futhi egxininisa ukuba ukuze abantu bakuthi bafumane inkululeko ngokupheleleyo, amaziko emfundo ephakamileyo kufuneka avulwe, kunikezwe imfundo esimahla nekwiqondo eliphezulu.

KwiNdlu yoWiso Mthetho, ibeyiEFF evumbulule ubuqhophololo ebebusenziwa ngulowo ebenguMongameli, uMnu Zuma, yayiEFF futhi equqa ibuyelela kwiNkundla yoMgaqosiseko ukunyanzela lo kaZuma ukuba ahlawule imali awayirhwaphilizayo ukuze azakhele ipomakazi lendlu.

Ukuba yayingeyiyo imigushuzo yeEFF, lo kaZuma ngesele enguMongameli unanamhla.

Kuyo yonke le misebenzi ibaluleke kangaka yenziwe yiEFF, owona mkhulu kuyo yonke ngumgushuzo wokuba kubuyiselwe umhlaba owathathwa ngabamhlophe ebantwini abamnyama.

Ukususela ngo1994, azange uphakanyiselwe kumgangatho omkhulu kangaka umba wokubuyiselwa komhlaba ebantwini bawo.

I-EFF iyibona indaba yokubuyiselwa komhlaba njengondoqo kwidabi lokukhululeka kwabantu ngokupheleleyo, nkululeko leyo equka inkululeko kwezoqoqosho.

Ukubandezeleka kwabantu abamnyama kwaqala ekohluthweni komhlaba wabo ngamandwendwe asentshona, awathi afika kweli lizwe enolunya, asiguqula asenza sangamakhoboka.

Le nkqubo yobukhoboka yabantu abamnyama ke isaqhubeka, ezifama, emigodini, nakwamanye amaziko entsebenzo. Intsusa yayo yonke lemo yobukhoboka ke isekuxuthweni komhlaba wethu.

Yiyo lonto ke siyiEFF simaxhaphetshu sifuna kuguqulwe umthethosisekelo weli lizwe, ukuze umhlaba ubuyiselwe ebantwini kungahlawulwanga mbuyekezo kwabo usezandleni zabo ngoku.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, akukho bani unokuphikisa ukuba iEFF izise inguquko emandla kwindlela ebekukade kuqhutywa ngayo kulawulo lweli lizwe.

Akukho namnye umbutho okubanga okuthiwe kwenziwa yiEFF kule minyakana nje imbalwa ikho. Njengokuba sivuyisana neminyaka emihlanu nje, sisajonge phambili ekuguquleni impilo yabantu beli lizwe kule minyaka mihlanu izayo nangaphezulu.

Lo nto leyo iyakwenzeka kuphela xa sikwazi ukuba kwisitalato ngesitalato, kwilali nalali, sibeneenkokeli zeEFF ezinesidima nezibamamelayo abantu, ukuze zisombulule ingxaki ezijongene nokuhlala.

Sinethemba lokuba sikwazile ukukwenza oku, kwaye kunyulo lonyaka ozayo, siyakuthi sikwazi ukwenyusa umyinge wabammeli beEFF kwiNdlu yoWiso Mthetho ukuze sibamele ngokupheleleyo abantu beli abangathathi ntweni, abakhubazekileyo, abadala neenkedama, abalala bengatyanga, abakhutshwayo kumaziko emfundo kuba behlupheka, ababhubhayo ezibhedlele kuba zingenampatho, abasebenza ezigadini, ezigaraji nasemigodini abathi bahlawulwe intlawulo yobukhoboka.

I-EFF ilikhaya labo bonke abantu, kwaye kunye nabo, sizovuyela le migcobo yeminyaka emihlanu yotshintso oluziswe yiEFF.

*UGcilishe ngumphathi wezonxibelelwano kuzwelonke weEFF