Sele iyiminyaka engamashumi amabini anesine uNokuzola Masindwa, oyimfama nowengingqi yamatyotyombe eDorchester ngaseHemmingways eMonti ehlala kwityotyombe elingenambane namanzi emva kwezithembiso ezingazalisekiyo.
Le ngingqi inamatyotyombe angamashumi amathathu ukusukela ngonyaka ka1992, kwaye aba bahlali bathi akukho nalunye uhlobo lwenkonzo abalufumanayo.
“Andiboni ngamehlo, le ndlu ndihlala kuyo incinci iyanetha xa kunetha, ishushu xa kutshisa ilanga, ingena umoya nokuba silele, akukho ukuphumla apha,” uthethe watsho uMasindwa.
Le nkosikazi ithi xa kufuneka iye edolophini incedwa sisithandwa sayo ngokuthi simkhokele baye edolophini.
“Ndamkela inkam-nkam kodwa kunzima ukuziyela kuba apha akukho zindlela neemoto zokusithutha apha, mna ndincedwa ngulo tata ndihlala naye, uye andikhokele ukuya edolophini,” ucacise watsho uMasindwa.
Inkokeli yabahlali bale ndawo uMoni Roji uthi, ingxaki yokungafumani iinkonzo kule ndawo sele ibangele umonakalo kwimpilo zabantu bale ndawo.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup