Iminyaka engama25 ejele kumama owenza iyelenqe lokubulala unyana

Umama waseGqeberha owaqesha abantu ukuba babulale unyana wakhe onamashumi amabini anesibini (22) ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ethothoza entolongweni yinkundla ephakamileyo yaseGqeberha ngetyala lokubulala nelokwenza iyelenqe lokubulala unyana wakhe.

Lo mama, uShayhieda Dollie (49), waseGelvandale eGqeberha ubanjwe emva kweveki ebulewe unyana wakhe, uMoegamat Thaafir Dollie.

Umzimba kaMoegamat wafunyanwa eMissionvale unamanxeba eembumbulu entloko nasentanyeni ekupheleni kwenyanga yeDwarha kulo nyaka.

Ngokwengxelo ekhutshwe emva kokubanjwa kukaDollie, isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi uDollie wayenengxaki nonyana wakhe, owayesebenzisa iziyobisi nowayegqalwa njengomntu omoshayo ekhayeni.

Kuthiwa uDollie waqulunqa icebo nabantu ababini, icebo yayikukuqesha abantu ababulalayo baseGoli ngemali engangeR80 000.

I-NPA ithe ngenxa yokulibazisa kukaDollie, ixabiso lenyuka laya kutsho kwiR380 000.

“Eli cebo liye lenzeka xa uDollie exelela unyana wakhe ukuba unodliwanondlebe lomsebenzi, kwaye abenzi bobubi bamlanda ngemoto, nto leyo eyakhokelela ekubulaweni kwakhe,” utshilo uTyali.

UTyali uthi unobangela wokubulala kutyholwa kukufuna imali yeinshorensi yezigidi ezibini zeerandi (R2 million) ababeza kuhlawulwa kwakule mali aba babulali babini.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata, uphinde wagxininisa ukuba idabi lokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini liyaqhuba.

“Amapolisa azibophelele ekuqinisekiseni ukuba izigwebo ezifana nesi zizisa ithemba kuwo onke amaxhoba ukuba ubulungisa bukho kwaye ubundlobongela obujoliswe kumanina nabantwana bunako kwaye kufuneka bupheliswe,” utshilo uNcata.