Iminyaka engama36 yesikolo sikaMaqoma eBhofolo

Isikolo samabanga aphantsi iNothonto primary eNtoleni eBhofolo besibhiyozela iminyaka engamashumi amathathu anesithandathu sasekwayo

Isikolo samabanga aphantsi iNothonto kwilali iNtoleni eBhofolo nesakhiwa ngegama lenkosikazi kaNkos’ uNgqika sibhiyozela ukugqiba amashumi amathathu anesithandathu sikhona.

Esi sikolo sivulwe ngokusesikweni kule nyanga ijongene namagugu kwakunye namafa emva kokuba siye salungiswa ngokutsha lisebe lezeMfundo.

Ingqonyela yeJongumsobomvu Maqoma Foundation, uVuyo Fani, uthi esi sikolo bekufanele ukuba sivulwe kwinyanga ephelileyo, nyanga leyo ijongene noomama kuba befuna ukubonisa indima edlalwe ngoomama eluntwini, kodwa uthi oko akonakalisanga nto kuba le yinyanga yamagugu namafa kwakunye nenkcubeko ejongene nemisitho elolu hlobo.

Esi sikolo yayiliphulo likaNkos’ uLent Maqoma phantsi kwesizwe samaJingqi ngelo xesha. UNothonto yayiyinkosikazi yokuqala kaNkosi uNgqika nongumama kaNkos’ Jongumsobomvu. Kulo msitho bekukwabhiyozelwa iminyaka engama146 wabhubhayo uNkos’ uMaqoma , ebhubhela eRobben Island ngomhla wesithoba kule nyanga.

UNkosi Siseko Maqoma uthi bavuya kakhulu ukuba namhlanje bebhiyozela ukuba esi sikolo sibe sigqiba iminyaka emingaka. Uthi yinto enkulu le kuba isikolo sakhiwa ngexesha lobunzima apho izinto zazingelulanga.

“Sithi halala kweza ngwevu neza ngwevukazi zakha esi sikolo ngenjongo yokuba kufunde abantwana besizwe sethu kwiminyaka engamashumi amathathu anesithandathu eyadlulayo. Sibulela kwale yokuba zabona kufanelekile ukuba izinto zethu bantu abaNtsundu zithiywe ngabantu bethu abasizeleyo nangona yayilixesha lobunzima sikwenye imeko yorhulumento. Lowo ke ngumzekelo omhle nakuthi namhlanje ukuba izinto zethu sizithiye ngathi,” utshilo uNkos’ uSiseko.

Uthi iminyaka engamashumi amabini anesihlanu idlulile eli lizwe likwinkululeko kodwa izinto zabantu abaNtsundu azikathiywa ngamagama esizwe esimnyama.

“Bekufanele ukuba eli lizwe ingakumbi ezindawo ziyindalo ezifana nemilambo, iintaba, sele zatshintshwa zithiywe ngamagama abantu bethu. Sihlaba ikhwelo kwiinkokheli zethu sisithi noko mazigawule ziwarhuqa ukulungisa kwalo mba,” uvale ngelo uNkos’ uSiseko.

Ngokwengxelo le dolophu yaseBhofolo ngaphambili yayisakwaziwa ngokuba kuseSingqengqeni. Igama elithi Bhofolo lifike mva.

Utitshala eNothonto, uZoleka Matomela, uthi bayabulela ukuba side sabe siyavulwa esi sikolo.