Umasipala wesithili sase-Chris Hani ekunye nesebe lemidlalo nenkcubeko kweli phondo bazakuba yinxalenye yemibhiyozo yenkonzo yakwa- Sirayeli xa izakubhiyozela iminyaka engamashumi alithoba anesihlanu yasekwayo.
Le nkonzo yembali izakube iqhuba imibhiyozo yayo eNtabelanga eBulhoek ngase- Hewu ngomhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga kaCanzibe.
Le nkonzo yasungulwa phantsi kweemeko ezazinzima kakhulu ngumfundisi uEnoch Mgijima ngenyanga ka- Canzibe ngonyaka ka 1921. Lo kaMgijima wamisa le nkonzo nangona urhulumente welo xesha wayengakwamnkeli ukusekwa kwale nkonzo.
Le ntaba (Ntabelanga) kulapho kwathi kwabhubhela khona amadoda angaphezu kwekhulu aza angcwatywa kwingcwaba elinye apho phezu kweNtabelanga.
Oyinkokheli yale nkonzo uBishop Shweni uthi, lukho ngenene uncedo abazakulifumana xa besenza esi sikhumbuzo esisuka ngakurhulumente.
“Kuyasivuyisa ukubona ukuba urhulumente noomasipala bobabini bazakusincedisa ukwenza esi sikhumbuzo,”utsho uShweni.
Le nkonzo yenye yezo zinamanani aphezulu abalandeli kwingingqi yaseKomani neendawo ezingqongileyo.
Oku kungenxa yokuba iingcambu zayo zizinze kule ngingqi yomasipala waseChris Hani.
Othethe egameni lesebe lemidlalo nenkcubeko kweli phondo uAndile Nduna uthi, ngenene isebe lakhe likho kumalungiselelo esi sikhumbuzo.
“Sithi abacele ukuba kumiswe ngomhla wamashumi amabini anesithathu, bona bebebeke umhla wamashumi amabini ananye, ngoko siyinxalenye yesi siganeko ngaphandle kwamathandabuzo,” uthethe watsho uNduna.
Umasipala waseLukhanji, Nkwankca neTsolwana kutshanje bamnkele igama lenkokheli yale nkonzo, uEnoch Mgijima, njengelona gama lizakusetyenziswa ukuthiya umasipala odibeneyo.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro