Iminyaka eyi-75 esejele ngobuqhophololo

Owayesakuba ngumsebenzi weSebe lezoBulungisa ufumana iminyaka engama-75 entolongweni emva korhwaphilizo.

Emva kokufunyanwa enamatyala amaninzi obuqhophololo ngomhla wesibini kweyoMdumba ka2022, uZiqelekazi Matyholo (45) ugwetywe iminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu (75) yinkundla yaseMonti ngomhla weshumi kweyoMdumba ka2023.

Phakathi komhla wokuqala kuCanzibe ka2008, ukuya kutsho kumhla weshumi elinesihlanu (15) kweyoMsintsi ka2009, uMatyholo wasebenzela iSebe lezoBulungisa njengoMabhalane oPhezulu woLawulo ofakwe kwiCandelo lezaBasebenzi. Ngokutsho kwesithethi seeHawks ephondweni uKapteni Yolisa Mgolodela, nguye owayephethe amalungiselelo okuhlengahlengiswa, ukuphumeza iindleko zokufuduka, ukulahlwa kwefenitshala, kunye nezibonelelo zokufuduka kwabasebenzi bakarhulumente abaqeshwe kwizikhundla ezahlukeneyo kweli sebe.

IiHawks zidize ukuba baye bafumanisa izinto ezingaqhelekanga apho abasebenzi abatsha baye banikwa iindleko zokufuduka kunye nezibonelelo zokufuduka apho bebengafanelekanga. Ngenyanga yoMnga ka2010, iSebe lezoBulungisa lafaka isimangalo kwicandelo leeHawks leSerious Commercial Crime Investigation eMonti, nokwakhokelela kuphando olwakhokelela ekubanjweni kukaMatyholo ngomhla wesine kweyeKhala ngo2012.

Ngokutsho kweeHawks, olu phando lubonisa ukuba uMatyholo wacela ii-invoyisi kubaBoneleli beNkonzo zokususwa kwefenitshala yabasebenzi beSebe lezoBulungisa ababefudukela kwimimandla eyahlukeneyo kwiMpuma Koloni naseFreystata. Uye walungisa waza wanikezela kwiSebe iikowuti nee-invoyisi zokususwa kwefenitshala, elithe iSebe lazivuma laza lazihlawulela.

“Emva koko wayalela ababonelelinkonzo ukuba bayitsale le mali bayigqithisele kuye. Kuye kwacaca kamva ukuba ababoneleli benkonzo abazange banikezele nangeenkonzo. Ngoko ke iSebe lezoBulungisa liye labelwa imali exabisa ngaphezu kwe-R113 000,” itshilo ingxelo.

Ngokutsho kweeHawks, uMatyholo wabanjwa liqela eliphanda ngolwaphulomthetho iSerious Commercial Crime eMonti ngomhla wesine kweyeKhala ngo2012, ze wakhululwa ngesilumkiso kwangalo mini. Emva koko, wavela enkundleni izihlandlo eziliqela de wafunyaniswa enetyala ngoLwesibini, ngomhla wesibini kweyoMdumba ka2022. Eli tyala larhoxiswa izihlandlo eziliqela ngaphambi kwesigwebo sakhe ngomhla weshumi kweyoMdumba ka2023.

Ufunyaniswe enetyala kwizityholo zorhwaphilizo ezilishumi elinesihlanu (15), kwaye wanikwa isigwebo seminyaka emihlanu kwityala ngalinye. UMajor General Mboiki Obed Ngwenya, intloko yeeHawks ephondweni, ulincomile eli qela ngempumelelo yalo kweli tyala.