Iminyhadala yobugcisa mayingapheleli eRhini

Phela phela ngeentsuku ezilishumi elinanye zabantu besonyuka besehla izitalato zaseRhini bekhangela iinkqubo ezonwabisayo kumaholo namaziko aseRhini. Khawufane ucinge iinkqubo ezingama-2500 obunokukhetha kuzo. IbingooSimphiwe Dana, ooRingo Madlingozi nezinye iimvumi zakweli zisonwabisa abantu.

Bekukho nomyhadala waseFingo obuqhuba kwilokishi yaseFingo kwaphaya eRhini. Kule lokishi bekusonwatyiswa abantwana abancinci is’kakhulu kuphinde kubekho neengxoxo zoosomashishini abantsundu abasebenza ngezobugcisa; kucetyiswana.

Ukufika kwethu ke eRhini kule veki iphelileyo bekugcwele izaziso ezithi “yonga amanzi, iRhini alinamanzi!” Bekukhe kwakho nosuku apho ebephele tu amanzi. Konke oku khange kubatyhafise abatyeleli. Umasipala waseMakana usaxakene neli dabi lamanzi. Kodwa umnyhadala wabe uqhuba.

Umbuzo nakulo nyaka usamile kuthi: Ukuba eRhini bayakwazi ukubamba umnyhadala wezobugcisa obayimpumelelo rhoqo (nokuba akukho manzi) zohlulwa yintoni ezinye iidolophu kweli phondo lethu? Ewe, siyazi ukuba pha eSajonisi bayawuzama umnyhadala owaziwa njenge Isingqi Sethu Wild Coast Festival. Thina bantu ababephaya eSajonisi kulo nyaka uphelileyo singathi kuyazanywa, kodwa safumanisa ukuba inkqubo yabo yayigxile kakhulu kumculo wesiNtu kunye nabantu abathengisa ukutya neempahla zesiNtu. Kwakungekho maqhula aziwayo asephondweni, kwakungekho midlalo yeqonga, kwakungekho zindawo ezibonisa umsebenzi wobugcisa nemiboniso bhanya-bhanya neendawo zokutya zaseSajonisi zazimbalwa zivalwa kwasemini.

Baninzi abantu abanezakhono zokuququzelela iminyhadala yobugcisa apha ephondweni. Kungafuneka sinkqonkqoze phaya eSteve Biko Centre, sibize ooLulama Masimini abazisebenzelayo, ooXolile Madinda beFingo Festival nooTony Lankester abenza lo waseRhini. Basondele bancedise urhulumente wephondo ekusekeni eminye iminyhadala yobugcisa. Lithuba eli. Mthatha? Qonce? Komani? Neelali kanti.