Imiqodi befolele amanzi eMonti

Ukusukela ngokuhlwa ngoMvulo, iindawo eziquka iSouthernwood, Vincent, Amalinda, Beacon Bay, Duncan Village, WestBank, Gonubie, Pefferville nezinye zithe zagagana nokuphelelwa ngamanzi.

Oku kuza emva kokulungiswa kwedami iMzonyana, nto leyo ethe yachaphazela amanzi kwimimandla yaseMonti.

Othethe egameni lomasipala waseBuffalo City uThandy Matebese uthi, kulungiswa imibhobho ehambisa amanzi. “Ukulungiswa kwemibhobho yamanzi kwidama iMzonyana kukhangeleka ingathi kuzakuthatha ixesha elingaphezu kwelo belilindelwe,” ucacise watsho. Lo msebenzi ungathatha iintsuku ezintandathu ukuze amanzi abuyele esiqhelweni.

Sithetha nje abanye abahlali bathenga amanzi ngerandi enye ilitha kwiindawo ezahlukeneyo zeMonti.

“Sithumele iiloli eziphethe amanzi kwizibhedlele, nakwiindawo ezigcina abantu abadala, kukwalindeleke ukuba ezi loli zigqithele kwiindawo ezihlala abantu ezithe zachaphazeleka kule meko,” utsho uMatebese.

Le ngxelo ithi, amagosa kamasipala azizinxadanxada ezama ukulungisa imibhobho echaphazelekileyo, oku kulindeleke ukuba kuqhube de kubesezinzulwini zobusuku.

Isikolo samabanga aphantsi ePefferville sikhulule abafundi kwangentsimbi yethoba ngenxa yokungabikho kwamanzi. Itishalakazi yesi sikolo uLorraine Smith uthi, ukumnka kwala manzi kubabethe ngeendlela ezahlukileyo.

“Besipheke ukutya kwemini sinyanzeleke ukuba sikuchithe kuba asinamanzi, lo nto ithetha ukuba oko kutya kuyilahleko ngoku kuba asinakuphinda sikupheke,” uchaze watsho.

Umhlali waseBeacon Bay uThobile Madlala uthi, kuyabadanisa ukubona urhulumente ebonakalisa ukungabakhathaleli. “Aba bantu bathi sizakubavotela njani xa bengasihloniphanga ngolu hlobo kuba kumele ukuba sazisiwe ngale nto phambi kokuba ifike,” utsho uMadlala.

Lo kaMadlala uthi, ubuyisiwe emsebenzini ngenxa yokuba inkampani asebenza kuyo ayinamanzi. UBuyiswa Hlekisa naye ubuyisiwe emsebenzi ngenxa yokungabikho kwamanzi.

“Ndibuyile emsebenzini kuba akukho manzi asikwazi kusebenza ngaphandle kwamanzi,” uchaze watsho uHlekisa.

Le ngxaki ibangele ingeniso koosomashishini bamanzi kule ngingqi yaseMonti ukusukela ngentsasa yayizolo.

Oyimanejala yase-Oasis, indawo ethengisa amanzi eVincent eMonti uLara Kurik uthi bazakuncuma ngenxa yale ngxaki.

“Nangona ezakuphela kwisithuba seeyure ezintathu ezizayo la sinawo apha amanzi, kodwa intengiso yamanzi ethu inyukile kakhulu ukusukela ngentsimbi yesixhenxe ngale ntseni,” uthethe watsho.

Lo somashishini uthi, bazakunyanzeleka bafumane uncedo kwezinye iindawo ngaphandle kweMonti.

“Ukuba iyaqhubeka le ngxaki sizakunyanzeleka ukuba sifumane amanzi kwimithombo yabucala ekhuselekileyo ukuze siqhubeke ukunceda abantu,” uthethe watsho uKurik.