XA uMasipala waseKing Sabata Dalindyebo eMthatha ebuzwa ngabahlali ukuba kutheni ezingomba isifuba ngokudala imisebenzi elithoba kulwakhiwo lwendlela oluxabisa izigidi ezilishumi elinesixhenxe (R17 million), uphendule ngelithi “ucuntsu akafani noshici”.
Kwiveki ephelileyo, lo masipala ubhengeze kwikhasi lawo likaFacebook ngelithi umsebenzi wokwakhiwa kwendlela ukusuka kwisitalato iChatam ukuya eThembu Road, uxabisa ngaphaya kwezigidi ezilishumi elinesixhenxe zeerandi.
Esi sibhengezo besikhatshwa ngumboniso obonisa ugandaganda esomba indlela.
Kulo msebenzi wokwenziwa kwale ndlela, noqale kwinyanga ephelileyo apho kulindeleke ukuba iphele kunyaka ozayo, imisebenzi esele idalekile ilithoba kuphela.
“Niyadlalisa nina kulo masipala. Nidlala upuca inene. [Izigidi ezilishumi elinesixhenxe nabasebenzi abalithoba?” kubuze umsebenzisi kaFacebook emva kokubona umboniso wokwenziwa kwale ndlela.
Ukuphendula, umasipala uthe: “Funda yonke imihlomlo, ikhona impendulo yale nto uyibuzayo.”
Omnye umsebenzisi kaFacebook ubuze ukuba: “Yho! Abantu abalithoba kuphela! Ninyanisile?” Kulo mhlomlo umasipala uphendule ngelithi: “Ucuntsu akafani noshici”.
Ngethuba kudlula iiyure ezimbini emva kokuxhonywa kwalo mboniso kuFacebook kamasipala, bekukho imihlomlo yabantu abalithoba betshintshiselana ngezimvo. Ingxoxo iqhubile bambi beqhwabela izandla umasipala ngokudala imisebenzi kwanokuphuhlisa iindlela logama abanye bebegxeka besithi lincinane eli nani.
Isithethi salo masipala, uSonwabo Mampoza, uthi imali yokulungiswa kwezi ndlela yonyuswe ngemali engaphaya kwezigidi ezine zeerandi (R4.9 million) into ethetha ukuba ngamashumi amabini anesibini eerandi (R22 million).
UMampoza ubalule indlela iElliot, Victoria kwakunye neLower Nelson Mandela Drive, esithi nazo ziza kulungiswa. UMampoza uthi ukulungiswa kwezi ndlela kuza kuthoba umthamo wezithuthi ezisebenzisa indlela engena edolophini ukusuka ngaseLibode.
UMampoza uthi ekuhambeni kwethuba le misebenzi ilithoba iza kunyuswa iye kumashumi amane.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala