Imisebenzi yobuntu bethu

Ingaba Ubuntu bethu obu sizingca ngabo xa sithetha buhamba buphelele phi? Kukho umahluko ekuthetheni nasekwenzeni, ekwazini inyani nasekuyenzeni.

Into esenza sohluke kwabanye abantu yindlela esenza ngayo. Kungumnqweno wam ukuba ngenye imini sikhe sithethe kancinci okanye singathethi kwa ukuthetha senze qha, sijonge uba ubomi bethu bungafana na nakuqala.

Kukhe kuthethe imisebenzi yethu. Ayikho into endohlula njengabantu abathetha kakhulu, xa ulandela ezinyaweni zabo ufike besenza into eyohluke kakhulu kunale bayithethayo. Okuya ndikhula ndiya ndingamameli gqitha izinto abantu abazithethayo, kodwa ndilandele ukwenza kwabo.

Andithi sikholelwa ukuba umntu ngumntu ngabantu, nokuba umntwana wakho ngowam zizinto ezo esiye sithi zichaza Ubuntu bethu. Ingaba ngenene nangenyaniso kunjalo na?

Xa uzijonga wena, ubayeke abanye, ingaba wenza le nto itshiwoyo ngala mazwi angasentla okanye uyayithetha nje kuba ke ungazukwenziwa nto ngumntu? Makhe sibuyele ebuntwini bethu bethuna yhini kangaka!

Iintsapho zethu ziyatshabalala, zithe saaa kuba kaloku sisuke kwizinto zokuqala, izinto ebezisenza sibebanye, simanyane singamakhaya. Ndakuhlala ndiyithetha de ivakale kumntu wonke into yoba; uba sifuna ukwakha isizwe, masiqale sakhe amakhaya. Akukho nto intle apho siphuma khona. Kuzobanjani ke kwezi ndawo sikuzo?

Yona ke eyoba urhulumente wenzani ndicela khe siyibeke bucala ngoba amaxesha amaninzi sisithela ngorhulumente sibe singathath’xanduva. Kukho izinto ezibalulekileyo nendicinga ukuba bekumele ukuba zezona zinto zisibangela sohluke kwezinye iintlanga ingakumbi uhlanga olumhlophe esihlala sisithi kunjenjenje kungenxa yalo.

Masivume ke mhlawumbi sithi imali nomhlaba zisekubo, leyo into ayinakuphikiswa. Eyona nto ndingathanda sigxile kuyo namhlanje bubuntu bethu. Izinto ezisenza sohluke.

Umzekelo, kubantu abamhlophe akukhonto yoba kukhathalelwe abantwana okanye usapho luka- tatomncinci, dabawo, bhuti njalo njalo. Kodwa thina bantu bamnyama asikhuliswanga njalo, kwaye ndijongile nje ingathi siya siwelela kwela cala labo. Wonwaba njani wedwa, nendlu yakho usazi ukuba kukho izihlobo zakho ongazi noba ziphila njani, uba zisaphila phofu.

Kule veki sisuka kuyo ndidibene neemeko zabantu ezohlukeneyo, kodwa zibufana. Abantwana abaswelekelwa ngabazali besebancinci, oko bahamba behlala ebantwini, bantu abo abadibana nabo kolu hambo lobomi. Xa ndibuza uba ziphi izihlobo zabo, abantu abazalwa nabazali babo, zikhona kodwa azinant’wakwenza nabo. Njani bantu bakuthi?

Abanye bade bazendise kuba imeko ekhaya ingavumi, umntu axolele uyokuhlupheka komnye umzi kuba iyeyona ndawo ikhangeleka ikhuselekile.

ngaba kubaluleke imali yelobola ngaphezu komphefumlo? Xa ikhaya livumela ukwendisa umntwana walo kwikhaya abangalazi ncam kwabona bengabantu abadala, lo nto ithetha ukuthini? Sele abanye ufika bengaxabiseki sebekuloo mizi nje kungenxa yoba khange kubekho sihoyo nankathalo kwasekuqaleni, apho baphuma khona.

Ukanti omnye ebesithi abakhe abazali babengaboni ngxaki ngokulala kwakhe namadoda ohlukeneyo natshatileyo nje kuba ezongenisa imali

Kuyacaca nje mhlophe ukuba abantu abathengisa ngemizimba abasekho stratweni qha, sihleli nabo ezindlini. Kwelinye icala asiboni noba sibulala ikamva labantwana bethu ngazo zonke ezi zinto

Kuyafuneka khe sihambe sihambe sibuye sijonge emva, silande izinto ezisenza sibesithi. Sizingce ngobuntu bethu hayi nje ngendlela esinxiba ngayo, koko nangendlela esenza ngayo izinto

Bantu bakuthi, makhe sibuyele kuthi, sizithande, sizixabise, sikhululeke. katomnoku@gmail.com, 079 284 1757