‘Imisitho yeANC asiyondawo yobunewunewu’

USihlalo weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane ethetha kwiLekgotla yeANC eMonti

USihlalo weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane, okwayiNkulumbuso, uthi iindibano zeANC “asiyondawo yobunewunewu”.

UMabuyane ukuthetha oku kwiintsukwana nje phambi kokuba lo mbutho ubambe umsitho wephondo wokuphawula ukugqiba iminyaka elikhulu elinesibhozo wasekwayo.

Le mibhiyozo iza kubanjelwa kwibala lezemidlalo eQumrha ngoMgqibelo kwaye kulindeleke ukuba izinyaswe ziinkokeli zeANC kuquka noSihlalo kazwelonke uGwede Mantashe.

Ethetha kwiLekgotla yeANC ebibanjelwe eMonti kule veki, uMabuyane uthi iindibano zeANC zifanele ukuba yimfundiso noncedo eluntwini.

“Maqabane kulo nyaka uphelileyo siqale inkqubo yokudibanisa iANC nabanini bayo, abantu beli phondo. Iinkokheli zikanxantathu weANC nezo zikurhulumente bezibonakala eluntwini.

“Masiqhube nale nkqubo, siyicime tu la nto ithi sibonakala xa kuzovotwa ebantwini. Kufuneka sivale iimbobo zokungena komoya ongendawo kuba xa singabonakali ebantwini, oozungulichele bazokungena bona,” utshilo uMabuyane.

Ukhumbuze uluntu ingakumbi amalungu eANC ukuba aphume ngobuninzi bawo eQumrha ukuba “lube yimpumelelo” olwa suku.

“Kodwa masikhumbule ukuba iindibano zeANC asiyondawo yokubonakalisa ubunewunewu okanye indawo yoosaziwayo, koko ziindawo zokunceda nokufundisa uluntu,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi abathunywa beANC kurhulumente kufanele bayazi ukuba bakweza ndawo ukukhonza uluntu.

“Iinkokheli mazibonakale ebantwini kuba iiofisi ezinomoya oshushu nobandayo (air conditioned) azivotelanga ANC eselulawulweni, yiyo le nto kufuneka sitshiswe lilanga sonke, sinethwe ziimvula sonke sisiya ebantwini,” kutsho uMabuyane.