Imithetho kasathana!

Umcimbi wokupheliswa koswazi ebantwaneni mdala, kungokunje uzel’ amaduna namathokazi. Uzele izigigaba nezimanga. Landile inani labantwana abasezitalatweni. Lande ngokungaphaya inani labantwana abazalela ekhaya besebancinci, bazale baphindaphinde.

Iintolongo ziyaphuphuma ngabantwana abangenasimilo nabangaqeqeshekanga, kukho neentolongo zabafikisayo. Izitalato azisahambeki, zithinjwe zindladiya zabantwana abasileyo nabangeva siyalo.

Zandile iziganeko zokubethwa kwabazali nootitshala zintswelaboya zabantwana. Landile inani labantwana abazinikele etywaleni nakwiziyobisi.

Amaxhego namaxhegwazana ohluthwa indodla ngabazukulwana, abamelwana bangenzi nto. Ndingabalula kudumb’ iindimla namakrina!

Zonke ke ezi zinto zivele ngexesha lokupheliswa koswazi emntwaneni. Abantwana bayazenzela singabi nakwenza nto.

Imihla yokuqeqeshelana yaphela, apho ndandisazi ukuba nokuba umntwana akekho phambi kwam unomqeqeshayo kuloo ndawo akuyo, kuba akukho ndawo ingenamzali.

Enokuba ke abantu ababekwe ngusathana ukuba basiphathele ezi zimanga bangathi akukho bungqina bokuba ezi zinto ndizibalayo zidalwe kukupheliswa koswazi, inyani kukuba zifumene inyoba engaphaya lakube liyekiwe uswazi emntwaneni.

Kananjalo, ukukreqa kwabantwana ezikolweni ngenxa yoswazi akuna kuthelekiswa nezi zinto ndizibalayo zize nokuyekwa koswazi.

Kambe ke baninzi abaphumele kolo swazi bangabantu, naboyele emseleni ngenxa yokungabethwa bakwanjalo ke.

Ngexa uThixo athi musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni wokuphilisa; athi mqeqeshe umntwana ngendlela efanele umntwana uhlangule umphefumlo wakhe ekufeni; athi ukuba uthe wamqeqesha umntwana wothi nokuba uthe wanxaxha abuye akhumbule akuba mkhulu kulunge kuye; athi wombetha umntwana ngentonga akayi kufa, wayenika umthetho engabonisi.

Wakuwugiba ke umthetho kaThixo uzizekela isono, isono ke siyabulala. Ngoku kufike usathana ngezithunywa zakhe, uthi uThixo wayesilahlekisa, masingababethi abantwana baza kulunga.

Olwa lahlekiso lukasathana emyezweni lubuyile, kanye kwesi sethu isizukulwana, ukuba sixabane noThixo ukuze sife. Kwakuthunywe inyoka kuqala, kweli ityeli kuthunywe abantu. Ndakuva zwindini!

UThixo wasinika inkululeko ke, ukuba sikhethe phakathi kobomi nokufa. Wathi ubeka ubomi nokufa phambi komntu, ze wamcebisa umntu ukuba akhethe ubomi.

Ukukhetha ubomi ke ngokwasebuThixweni kukugqala nokugcina nokuhamba ngeendlela zikaThixo.

Ukukhetha ukufa kukuhamba ngezikasathana. Kukuthi ke ukuphulaphula usathana, sinxaxhe endleleni asimisele yona uMdali.

Akazuhla uMdali lingekafiki ixesha lakhe ukuba azosihlangula, kuba usixelele zonke izinto, wasazisa imiqondiso yezi zinto zingekehli.

Uthe ngemihla yokuqala kwenimba kuza kufika abantu abazenza ngathi balungile kanti baxwaye impazamo yodwa; iingcuka ezambethe ufele lwegusha uzihlwayele ukuba ziyirhole ngezantsi imfundiso.

Wasiyala ke ukuba ze sahlule emntwini kaThixo nasemntwini kangendawo.

Kwaxelwa ukuba abantu bakaThixo baseza kuphoswa ezintolongweni ngenxa yelizwi likaThixo; kanye njengoko kwenzekayo ezimbalini.

Kuthiwe kuza kufika imihla apho abo banqunyulwayo ngenxa yelizwi likaThixo baza kubuza ukuba uThixo woliphindezela nini na igazi labo kwabahleliyo phezu komhlaba?

Kuthiwe ngelo xesha uThixo wophendula athi mabalinde umzuzwana kuba kusekho abanye abaseza kunqunyulwa ngenxa yelizwi likaThixo njengoko kwenziwayo kubo ngababekho ngaloo mihla.

Lelo xesha ke eli! Siza kubanjwa siphoswe entolongweni ngenxa yokumela ilizwi likaThixo elithe masibaqeqeshe abantwana ngendlela efanele abantwana, de lathi sibabethe xa bengeva myalelo!

Omelana nomthetho kaThixo ngokasathana! Kukuthi ke ukukhetha phakathi koThixo onika ubomi nosathana ohlutha ubomi.

Libhukuqiwe ilizwe ngabameli bakangendawo. Makube ke iintolongo zeli ziza kugcwala, umnikazi wazo makazongeze kuba sibaninzi abaza kuphoswa kuzo.

Goba msenge iibhokhwe zikutye!