Kukholelwa ukuba uthando lwenza ihlabathi lijikeleze, kodwa likwabangela ukuba abantu benze izinto ezothusayo. Maninzi amabali othando awothusa ihlabathi, elinye lawo lelaseAfrika – eZimbabwe, elibandakanya umama owamithiswa ngunyana wakhe waze watshata naye nangona egxekwa yilali yakhe.
Eli libali lika2014 kodwa liphinde lavela kwaye belihamba phambili kumakhasi onxibelelwano kutshanje. Nali ibali likaBetty Mbereko.
UBetty Mbereko (40) utshate unyana (23) wakhe emva kokushiywa ngumyeni wakhe kwiminyaka elishumi elinesibini egqithileyo.
Emva kokubhubha komyeni wakhe uBetty uye wathandana nonyana wakhe uFarai Mbereko, ekuthe kwafumaniseka ukuba umithi baza bathatha isigqibo sokutshata.
“Ndikubone kulungile ukuba ndithande, nditshate nonyana wam kuba bendibaleka ukutshatwa ngabaninawa bomyeni wam ongasekhoyo,” kutsho uBetty Mbereko.
Ilizwe laseZimbabwe lelinye lamazwe aseAfrika elisagcine isiko lokuba inkosikazi ebhujelwe ngumyeni ingenwe ngabakhuluwa okanye abaninawa bomyeni.
“Ndifumanise ukuba abaninawa bomyeni bangxamile emva kokubhubha komyeni wam bafuna ukunditshata, andithandi njalo,” kucacisa uMbereko.
UMbereko ukuqinisekise ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ngenene ukhulelwe umntwana wonyana wakhe, uthi sele eneenyanga ezintandathu ekhulelwe.
“Emva kokumkhulisa ndindodwa unyama wam kungekho mntu undincedisayo, ndibone kufanelekile ukuba ndimtshate ngokwam ukuze angafunyanwa ngamanye amakhosikazi,” kutsho uMbereko.
Uthi akafuni ukuba unyana wakhe abesisisulu samanye amakhosikazi. “Ngoku uyaphangela amakhosikazi aqalile ukumfunela kuwo unyana wam, andisoze ndivume ukuba atshatwe yenye inkosikazi,” kutsho uMbereko.
Oku kuthetha ukuba le nkosikazi ikhulelwe umzukulwana wayo, kwaye oku akuqhelekanga kumasiko nezithethe zalamaxesha eAfrika.
Le nkosikazi enguBetty Mbereko kulindeleke ukuba inyathele inkundla ingena kwisigqibo sokuzibophelela kunyana wayo emthanda kakhulu. UBetty lo yinkosikazi engumhlali kwindawo yaseMwenezi kwisithili saseMasvingo.
*Eli libali elidala elenzeka ngo2014 kodwa liyajikeleza kwakhona kumakhasi onxibelelwano.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!