Imithombo yeendaba ekwi-intanethi ithatha indawo

Mhleli wephephandaba, ndibhala le ncwadi kuba ndichukunyiswe ziindaba ezimbi ebezikhutshwe li-I’solezwe kwikhasi lonxibelelwano uFacebook.

Ukuyeka iphephandaba lenu eNtshona Koloni kubonisa ukuba nyani imithombo yeendaba ekwi-intanethi (online media) ithatha indawo ngaphezu kwemidiya yemveli (traditional media). Ezi ndaba zokupheliswa kwephephandaba le-I’solezwe eNtshona Koloni lindenza ndibe noloyiko, kubonakala kamhlophe gca ukuba ukusetyenziswa kwamaphephandaba kungafika kwithuba lokuba kuyekwe ukuba lisetyenziswa ngenxa yeintanethi.

Kweli lixa esiphila kulo i-intanethi yeyona nto esetyenziswa kakhulu kunamaphephandaba kuba abantu bakholelwa ekutheni yona izisa iindaba ngokukhawuleza.

Ukusetyenziswa kweintanethi kakhulu kuphinde kube yingxaki kuba abanye abantu abakwazi ukuba bafikelele kuyo, into yokupheliswa kwephephandaba naphi na ibuhlungu kakhulu.

Kukhona abantu abadala abangakwazi ukusebenzisa i-intanethi, lo nto itsho ukuba bona bakhutshelwa ngaphandle ekutheni bazi ukuba kwenzeka ntoni na ecaleni kwabo.

Izindlu zemithombo yeendaba zamaphephandaba zibonakala zihlangabezana neengxaki eziye zizikhokelele ekubeni kuvalwe amaphephandaba zazo. Ayikho ntle tu into yokuba kuphethwe sekuyekwa amaphephandaba kwiindawo ezithile.

Umbuzo uthi, singenza njani na ukuba amaphephandaba angapheli kwiindawo esihlala kuzo? Impendulo inye, luxanduva lwethu thina bafundi belo phepha ukuba siqinisekise ukuba rhoqo siyalithenga. Sisuka kude namaphephandaba, masingatshabi neintanethi into efikayo esingayazi nokuba iyosiphelelisa phi na.

Ozithobileyo

Monakali Lusanda, Mount Frere (KwaBhaca)