Imiyalezo ethunyelwa yiDA idale ingxwabangxwaba

ZIZINGQI zeDA ezingunozala wengxwabangxwaba kumaqonga kaFacebook noTwitter. Oku kuthethwe nguMabine Seabe, osisithethi senkokeli yalo mbutho uMmusi Maimane.

USeabe ukuthethe oku emva kwedabi kumakhasi onxibelelwano, kukhalazelwa imiyalezo yeeSMS neyeminxeba ephuma kwii-ofisi zalo mbutho ikhuthaza uluntu ukuba liwuvotele kunyulo ekusingiswe kulo. Abakhalazayo bakhala ngelithi le miyalezo iyabaphazamisa, ngelixa abanye bebuza kumalungu alo mbutho indlela abafumene ngayo iinombolo zabo.

Umsasazi wesikhululo sikanomathotholo i702 uRedi Tlhabi ungxeke imiyalezo yeSMS yalo mbutho ngelithi ayiniki bantu thuba lokuphuma kwimbalelwano.

IDA inike impendulo kwakwikhasi likaThwiter ngelithi abangahambisaniyo nokufumana le miyalezo mababhalele kulo mbutho ukuze bakhutshwe kuluhlu leembalelwano zalo mbutho.

UTlhabi ukhalaze ngelithi, akazange anikeze zinombolo zakhe kulo mbutho, kutheni kufuneka iphinde ibekwanguye owenza imbalelwano ukuze akhutshwe kolu luhlu. Bekubethabethana izimvo kukho abo bagxeka iDA, ngelixa abo baxhasa iDA besithi le miyalezo iyawusebenzela lo mbutho, ligcuntswana nje abakhalazayo.

Inkokeli yalo mbutho uMaimane uzibone erhuqelwa kwidaka ledabi emva kokuba kukho ovule uThwita ngegama lakhe efaka neenombolo zakhe.

USeabe uthe, “Ifuthe lonyulo liphezulu, singumbutho obonakala kwiindawo ebesifudula singabonakali kuzo, ngoku bazama ukuphazamisa umkhankaso wethu.”

Ukwathe uMaimane ufumene iminxeba nemiyalezo yezithuko enobuhlanga.

USeabe uqhube wathi, “Kunzima nokuphendula umnxeba wakhe ngoku ngenxa yabo bafowunela ukumyuca, lo nto iphazamisa abo badla ngokumfowunela befuna uncedo olululo.” Ulebele ngelithi lo mbutho awujiki ekuthumeleni imiyalezo ngenxa yegcuntswana elinezinye iinjongo.

Ukususela kwixesha kusiyiwa kunyulo ngo2011 lo mbutho ufumana ukugxekwa ngenxa yale miyalezo. Phambi konyulo lika2014 iDA yaphumelela kwinkundla yomgaqosiseko kwidabi neANC kulandela iziphumo zophando loMkhuseli Woluntu kumba waseNkandla. IDA yathi le ngxelo ibonakalisa ukuba uZuma ube imali yabarhafi wakha ikhaya lakhe.

IANC yayiphika ngelithi akukho kwingxelo yoMkhuseli Woluntu oko.