INKOSIKAZI yakuBomela eDutywa yoyikisela ubomi bayo emva kwesichotho esikhatshwa yinkanyamba esithe sagqugqisa imimandla emininzi kwiilali zaseDutywa, sashiya imizi imkelwe ngamaphahla, iifestile zivuthulukile.
Iintsapho zeelali eziliqela eDutywa ekuquka kuzo iTyekelebende, iRhwantsini, iBomela, iBende, iGamgam, eCungcwini, eNgcingwane, eTaleni nezinye zishiyeke zingenamakhaya, bambi bevuthulekelwe ziifestile.
Inkosikazi yakuBomela uNoFirst Bomela uthi esi sichotho sangoMvulo sishiye izindlu zakhe ezimbini zingenamaphahla. “Bendikomnye umzi endizalana kuwo sididiyela utywala, ndeva kusithiwa kumka iphahla lendlu.
“Sivele saleqa, yabe imvula isitsho ikhatshwa ngamahamba namvula. Ngelo xesha ke labe izulu lizongoma. Sifike sakhupha iimpahla zabe iibhedi zimanzi zonke. Siyoyika ngoku asazi nokuba yintoni ezakuphinda yenzeke,” utshilo uBomela.
Kwizindlu ezine zikaNoFirst, ezimbini zimkelwe ngamaphahla logama ezinye ezimbini ziye zasinda noxa iifestile ziye zavuthuluka.
Isithethi samapolisa aseDutywa uKapteni Jackson Manatha uthi kusweleke umntu wamnye kwilali yaseTaleni emva kokuwelwa yindlu ngenxa yesi sichotho.
sithandiwe.velaphi@inl.co.za
Libanjelwe isatifikethi sikaGrade 12 somgunyathi iGosa lezeMpilo