Imizimba yabantwana, ifunyenwe ize, ijinga emthini

NANJENGOKUBA uMzantsi Afrika uqaphela iveki kazwelonke yokhuseleko labantwana, (National Child Protection Week), ilali yaseRebone kufutshane naseMokopane, isankwantya ngumothuko emva kokufunyanwa kwemizimba ibize yeentwazana ezimbini, nebijinga emthini, kwaye inkwenkwana eminyaka isithoba ubudala yelali ekufutshane, yona iye yaxhwilwa, yaze yabulawa.

ULekwelo Ennie Masola kunye noNthabiseng Motlaphema, nabane- minyaka emihlanu ubudala, bafunyenwe ngeCawa, kwiintsuku ezintathu emva kokuba bedukile.

Abarhanelwa ngokwenza esi senzo, bathe tshe kwinkundla kamantyi yaseMokerong, eLimpopo, baze babekwa ityala lokuxhwila nokubulala.