Imke namanzi i-R30m kwiprojekthi eDutywa

Izixhobo ezonakeleyo kwiprojekthi karhulumente engasasetsenziswayo kwilali yakuBomela eDutywaimifanekiso: siyanda zakhe

IPHULO lezolimo elixabisa izigidi ngezigidi zeerandi eDuff Mission kufuphi nelali yakuBomela eDutywa alinamntu wokulikhathalela, nto leyo ishiye ezo zixhobo zolimo zexabiso zikwintende yoonqevu.

Eli phulo lasungulwa ngobesakuba ngumphathiswa wezolimo eMpuma Koloni uGugile Nkwinti kuTshazimpuzi ka-2009. Yayilitheko elikhulu ukusungulwa kweli phulo, kukho nongasekhoyo umsasazi woMhlobo Wenene uSaba Mbixane esonwabisa ngeqela lakhe lomxhentso.

Eli phulo lasungulwa ngokuthi, kuthengwa izixhobo zokufukamisa izityalo, iiteletele, amakhuba, izixhobo zokucola imveliso, amatanki, izixhobo zokunkcenkceshela phakathi kwezinye zezinto.

Kodwa xa ungena kwizakhiwo zale projekthi ugangwa sisiza esibalisa ngobomi baso. Ekungeneni kumasango, sokuze ubuze ukuba kuchanywa phi kuba ingathi kusebuhlanti. Izilwanyana ziyazingela zifike zenze ubulongwe ngaphakathi – ezinye zilala kwizakhiwo ezakhiwe ngokomfuziselo womzi-mveliso.

Kwindawo yokufukamisa izithole, kugcwele itshungu nenkanga. I’solezwe likwabone nofele kwanamathambo enkomo ebifele ngaphakathi kwizakhiwo zale projekthi, kucaca ukuba ife ngenxa yengqele ebisandul’ ukubungela le ndawo.

Isithethi sesebe lophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni uYvonne Matsheketwa uthi eli phulo lixabisa izigidi ezingamashumi amathathu eerandi (R30m).

Indoda yakuMangathi ithe: “Sifuna iimpendulo kuba sasicinga ukuba le projekthi izakuxhamlisa thina kodwa ngoku ayinamnini.”

UMatsheketwa uthe: “Le projekthi yayijolise ekuxhamliseni iindawo zikarhulumente ezifana nezibhedlele ngemifuno. Uluntu lunoxanduva lokukhusela le projekthi kwaye aba bamoshayo siyabazi.”