Imo-ntlalo ingumfuziselo wemo yamakhaya!

Uninzi lwethu luhlala lunyembezana, lugxwaliswa sisimo sentlalo esingaginyisi mathe. Kwiindawo esihlala kuzo umhla nezolo kwenzeka izinto ezimanyumnyezi nezibambisa ongezantsi.

Hamba kwizitalato zeedolophu, izitalato zeelokishi nkqu nasezilalini, oyakukubona apho koko kuzakukushiya ukhwankqisekile, umangalisiwe kwaye uxhalabile! Le nkxalabo idalwa kukubhadula kwengqondo nokubetha ngamandla kwentliziyo okubangelwa kukoyikisela ikamva lesizwe sakowethu.

Kwizitalato neendlela zeendawo esihlala kuzo, mihla le ubona umlisela nomthinjana wakowethu uthe qhiwu iimbodlela zotywala obunamagama amakhulu. Rhoqo kusisa siva ngeendaba ezihlasimlisa umzimba zokugetyengwa, ukudlwengulwa nokuxhatshazwa kwabantu bengenatyala. Amaxhegwazana alilifa lolutsha olungenantlonipho nambeko. Izindlu zabantu namashishini abo ziqhekezwa mihla le. Imfuyo yabantu ibiwa ntsuku zonke, de kungoyikwa nokuyibulala ukuze ihlinzwe kuthengiswe loo nyama!

Ingaba yintoni intsusa yako konke oku konakala kwentlalo nobuntu bethu? Xa intlalo yethu yonakele ngolu hlobo, ingaba kunjani emizini yethu? Xa ingqeqesho, intlonipho, ubuntu nendili kutshilwa ngazo emakhaya nasemizini yethu, kutheni intlalo yethu ibubutyobo ngolu hlobo?

Xa abantwana bethu bekhulela kwintlalo eyonakele ngolu hlobo, ingaba baza kukhula babe ngabantu abanjani? Xa kusenzeka izinto ezimasikizi ngolu hlobo kwiindawo esihlala kuzo, ingaba liza kuba yintoni ikamva lesizwe sethu? Yonke le mawethu yimibuzo ehlala izinga engqondweni yam, nayo izinga ngesizathu sokuba intlalo kaXhosa ndiyithanda ngokungazenzisiyo, kwaye ndihlala ndiyinqulela kumanyange nakwimilondekhaya, ukuze ihlale isikelelekile, iphuhlile kwaye iqaqambile.

Nanjengamntu okhulele ezilalini, noneentsapho eziluthotho kwiilokishi ezikwimimandla esezidolophini, ndiye ndibe nethamsanqa lokubukela indlela amakhaya ethu asezilalini nasezidolophini aphila ngayo kule mihla. Xa ujonga imeko ekuyiyo kumakhaya ethu amaninzi, ungaphantse uqiniseke ukuba ukonakala okugquba entlalweni kubangelwa kwaye kukhuthazwa kukonakala kwentlonipho nokuphela kwendili kuninzi lwamakhaya ethu.

Kwamanye amakhaya kuselwa kuqhutywe amatakane phambi kwabantwana abaselula, kuyatshaywa maxa wambi, kwa-aba bantwana kweminye imizi ubone bethuliswa kwangotywala nangeli cuba xa bekhala, kulahlwe izitompi phambi kwabo, nabo ke kuba befunda ngokubukela nokulinganisa ngokwendalo, baqalise besebancinci benjalo ukutshaya nokusela.

Andithi ukutshaya nokusela kugwenxa, kodwa ndithi kungakuhle xa oku kusenziwa ngokwendili yesiko. Hayi ke andisathethi ngemilo neengxabano zabazali nabantu abadala abasoloko besilwa phambi kwabantwana kweminye imizi kwintlalo yethu.

Izithuko nezenyeliso eziphuma apho zilumeza ngokungathethekiyo. Ngelishwa kuba kusiliwa kuthukwana phambi kwezo ntsizana, nazo zithathise zisebenzisa olo lwimi lugwenxa xa zingaboni ngasonye nabanye abantwana. Abazali abakholose ngesidima abalwi phambi kwabantwana, babalinda balale okanye baphume baye kude apho abantwana bangenakuze bababone okanye babeve bexambulisana, ukuze abantwana babo bakhule besazi uxolo nemvisiswano ukodlula impixano nongquzulwano.

Ubusela yinto yemihla ngemihla kwiindawo esihlala kuzo. Bambi kubazali bayikhuthaze le nto kuba kaloku indlala le ihlala inamanyala. Sithi bazali abathenga izinto ezibiwe kweminye imizi, kuba sisithi zixabisa kancinci ngokwasemalini.

Sithi bazali abathakazelela ukubona iintsana zethu zithe qhiwu iiplastikhi ezinempahla nokutya, zibe ezi ntsana zethu zinxiba neempahla zikanokutsho ngoku sizaziyo ukuba aziphangeli. Asibuzi nto, koko sitya tyum senze ngathi asiboni kwanto.

Hayi andisafuni nokuyithetha ke eyokungavisisani kwabantu bemelene, nabantwana bakhulele kobo butyobo, beze ezikolweni bebona abazali babo abameleneyo bengathethisani, nabo baphele bethiyene bengathethisani kuba belandela umzekelo abawubona kubazali babo.

Ithini ke intlalo ukungonakali xa siziphethe kakubi ngolu hlobo maAfrika? Khanincede nilungise ukuhlala kungenjalo isizwe sethu siya siseyela ngokweyela emhadini wentshabalalo!