IMonti ibulisa ihlabathi ngomgrugra weMercedes-Benz C-Class W206

UMZIMVELISO wezithuthi uMercedes-Benz eMonti uqalile ngomsebenzi wokwenza umgrugra we C-Class W206 ekulindeleke ukuba ithunyelwe kumazwe amalunga namashumi asibhozo kwihlabathi jikelele.

Lo mgrugra usungulwe ngokusesikweni ngoLwesine kwizakhiwo zakwaMercedes-Benz eMonti kumsitho obuzinyaswe nguMphathiswa woPhuhliso loQoqosho kuzwelonke uEbrahim Patel, iNkulubaphathiswa ephondweni uOscar Mabuyane kwakunye nengqonyela yakwaMercedes-Benz South Africa uAndreas Engling, ukubala nje abambalwa. UNobhala weNumsa kuzwelonke, uIrvin Jim, ebemele abasebenzi kulo msitho.

Ingqonyela yakwaMercedes-Benz South Africa uAdreas Engling ekunye noMphathiswa uEbrahim Patel UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Yimali ekwi-R3 billion etyalwe ngulo mzimveliso kulo msebenzi wokwenziwa kwale C-Class W206.

Unyaka ka2020 ubunzima, utshilo uEngling, “kodwa sikwazile ukufezekisa obesikucwangcisile”.

“Sikulungele ukwenza entsha kraca i C-Class. Apha kwiMercedes-Benz South Africa, intshisakalo yethu isiqhubezelela ekwenzeni okugqwesileyo, kwaye yile ntshisakalo eqhuba iqondo eliphezulu lendlela esisebenza ngayo,” utshilo uEngling.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ethetha kwaMercedes Benz eMonti ngethuba kusungulwa i C-Class W206 UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMabuyane uthi ngumsebenzi omhle kakhulu lo wenziwe ngulo mzimveliso. “Isinika uchulumanco singurhulumente waseMpuma Koloni ukuqaphela ukuba phakathi kwabantu abathe bakha lo mgrugra (W206) siwusungulayo ziintombi noonyana abathe baqeqeshwa kwiMercedes-Benz Learning Academy (ekwaseMonti).”