Imoto eyenziwe kweli ityhilwe eGqeberha

I-Isuzu D-Max entsha eyenziwe eGqeberha. Umfanekiso: Twitter / @isuzusa

I-Isuzu D-Max yesizukulwana sesixhenxe isungulwe kumabala emidlalo iNelson Mandela Bay Stadium eGqeberha. Le moto sisizukulwana sesixhenxe seeveni ze-Isuzu eziveliswe eGqeberha kule minyaka ingamashumi amane anesibini edlulileyo kwaye sisiphelo sotyalomali lweR1,2 yeebhiliyoni kwimisebenzi yasekuhlaleni yeIsuzu, eyabhengezwa ngo2019. Yenzelwe imarike yasekhaya eMzantsi Afrika ize ithunyelwe kumazwe angamashumi amabini anesihlanu kwiimarike eziqhuba ekhohlo neziqhuba ekunene kwilizwekazi lonke laseAfrika.

Umongameli uCyril Ramaphosa, ethetha ngokuphehlelelwa kwale moto uncome igalelo layo ekuphuculeni uqoqosho. “Iziko lemveliso yakwaIsuzu apha eGqeberha logama isaziwa kakhulu ngokuvelisa izithuthi ezikumgangatho wehlabathi likwadala amathuba emisebenzi namathuba kuninzi lwabemi boMzantsi Afrika kwaye lwenza ukuba oosomashishini balapha ekhaya bafezekise isakhono sabo,” utshilo uMongameli Ramaphosa. Uqhube wathi, “Olu tyalomali kunye nezibhambathiso zotyalomali ezimalunga nama332 eebhiliyoni zeerandi ezenziwe kwiNkomfa yethu yesine yoTyalomali lwaseMzantsi Afrika ebibanjwe kule nyanga iphelileyo ziza kwenza lukhulu ukuxhasa ukuvuseleleka koqoqosho loMzantsi Afrika.”

UMongameli Ramaphosa uvuyisene neIsuzu Motors yoMzantsi Afrika ngokufikelela kwinqanaba elibalulekileyo lokuvelisa esi sithuthi apha ekhaya. Uthe into yokuba le veni isenziwa eMzantsi Afrika ingaphezulu nje komcimbi wokuzingca, ligalelo elamkelekileyo kwiinzame zokwandisa imveliso yalapha ekhaya njengoko sisebenzela ukwakha ngokutsha uqoqosho lwethu nokudala imisebenzi.

URamaphosa uvakalise uluvo lokuba uMzantsi Afrika lisango lokungena eAfrika. “Njengoko besisoloko sisithi uMzantsi Afrika lisango lokungena kwilizwekazi leAfrika. Ishishini lakho (Isuzu) lingqina ukuba kunjalo, ndiyakholelwa ngobuchule bakho bokuvelisa apha, wenza izithuthi eziya kanye kumbindi welizwekazi lethu. Indawo yorhwebo ekhululekileyo kwilizwekazi laseAfrika iza kuba yimpumelelo enkulu kwaye ibe yinzuzo enkulu kumashishini afuna ukukhulisa amashishini awo kakhulu,” utshilo.

INkulubaphathiswa yephondo leMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, wenze umbulelo ongazenzisiyo kwi-Isuzu. “Sidlulisa amazwi ombulelo ongazenzisiyo kubaphathi bakwa-Isuzu Motors eMzantsi Afrika ngokutyala imali eyi1.2 yeebhiliyoni zeerandi kwiphondo lethu ukuvelisa iveni iD-Max. Utyalomali lwakho lufike ngexesha elinzima kakhulu kwiphondo lethu sisacinga ngoku kurhoxiswa kotyalomali kwenkampani yakwaGeneral Motors,” itshilo iNkulubaphathiswa. UMabuyane uthe i-Isuzu Motors yoMzantsi Afrika ihlangule imeko yethu ngendlela enkulu kwaye yasindisa ubomi babasebenzi abangaphezu kwewaka. Uthe unqwenela ukuba bakhulise amanani abo engqesho kuba abantu balangazelela imisebenzi.

Ingqonyela noManejala wakwa-Isuzu Motors eMzantsi Afrika, uBilly Tom uthe iThailand inomzimveliso omkhulu we-Isuzu kwaye uMzantsi Afrika ukwindawo yesibini. “Sisikhundla esizingca ngaso njengeIsuzu yoMzantsi Afrika, indawo yesibini ethe yasibeka njengendawo yokuvelisa eAfrika. Oku kukuxhasa iimfuno zemarike eMzantsi Afrika nangaphaya kwemida yelizwe,” utshilo.

UTom uqhubeke wathi, “Le mveliso ke ngoko ivela ngexesha apho yona ngokwayo igxile ekukhuleni ngophuhliso olungundoqo kwiMarike yaseAfrika iphela. Eli lizwekazi linetalente kunye nobuchule bokunikezela phantsi kobunkokeli obufanelekileyo. Namhlanje ndingema apha ndithi izalwe, yenziwa, yakhuliswa eAfrika ngamaAfrika. Olu lutshintsho olusebenzayo. “