Imoto ibulele abantu eThaveni

Bebehleli beziselela utywala abantu eMdoda Tavern ngethuba ngumbonzeleka imoto ebulele abantu ababini ze yonzakalisa abanye eKhayelitsha umfanekiso: Buziwe Nocuze

Basothukile abahlali baseKhayelitsha eKapa kulandela ukubhubha kwabantu ababini kwindawo yentselo yakwaMdoda.

UNomava Mdoda uxelele I’solezwe ukuba ngethuba isenzeka le ngozi ibiyimizuzu nje embalwa ephume phandle ukuyophendula ifowuni yakhe.

“Amawethu abe nam apha kuba nam ngendikwaba balimeleyo okanye ababhubhileyo, qha ke ngenxa yengxolo ndiye ndabona ukuba mandiphume phandle ukuze ndizomva kakuhle lo mntu bendifowunela,” utshilo uMdoda.

Babini abantu abathe basweleka ngoko nangoko kwaze kwalimala abane kuquka nomqhubi wemoto. “Abantu abayibonileyo le moto bathi ize ibaleka asazi ukuba ebecinga ntoni umnikazi wayo kuba awukwazi kubalekisa kule ndawo,” utshilo uMdoda.

Omnye wabahlali oyibonileyo le ngozi xa isenzeka uthe le moto ibulele abantu neluhlobo lweBMW ibihamba ngesantya esiphezulu kakhulu.

“Ngethuba isiza bendicinga ukuba kukhona ezinye iimoto ezimleqayo kodwa ibiyiyo nje yodwa izibalekela, kwaye ngendlela endimbone ngayo lamqhubi ndiyasola ukuba ebenxilile,” utshilo umhlali.

UMlungisi Nqulwana noneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu nobengaphakathi ngethuba isenzeka uthe esi sehlo sibothusile kodwa ke ayithi lo nto mabazivalele ezindlini.

“Ibuhlungu into yokuba sithi sizihlelele siqabula suke umntu azokunxilela kuthi, abaqhubi bemoto mabohlukane notywala xa bezazi ukuba baza kuqhuba kuba ngoku kubhubhe abantu bezihlalele beziselela utywala,” utshilo uNqulwana.

Ebuzwa ukuba ingaba esi sehlo siza kumenza azihlalele endlini na, uphendule ngelithi “Hayi, ndizokuqhubeka ndisiza apha, qha abaqhubi mabamise ingqondo xa beqhuba bayeke netshamba eli baye babenalo ukuba iziphumo zalo nto azikho zihle,” utshilo uNqulwana.

Isithethi samapolisa aseKapa, uLieutenant Colonel Andre Traut, ungqinile ukuba abantu ababini babhubhile kulandela ukutshayiswa kwetyotyombe ebebekulo yimoto yohlobo lweBMW.

“Umqhubi wemoto usindile kule ngozi kwaye uphakathi kwabo bathe babalekiselwa esibhedlele,” utshilo uTraut.

Watsho esithi unobangela wale ngozi usaphandwa. Le ngozi yehle kwindlela iJaphta K Masemola kude kufutshane nebhulorho yaseNolungile.