Imoto yonakele emva kokugalelwa ipetroli endaweni yedizili eMthatha

Ilugcwabevu ngumsindo indoda yaseGxulu eLibode emveni kokuba igaraji yaseMthatha igalele ipetroli endaweni yedizili kwimoto yayo.

UMzukisi Siyongwana (40) watyelela igaraji ethile ngaseCircus Triangle ngentseni yomhla weshumi elinesithoba kweyoKwindla kulo nyaka nekulapho umsebenzi wale garaji wamgalela ipetroli ye-R400 endaweni yedizili.

“Andihleki nenye ehlekisayo, ndifuna imoto yam ilungisiwe yile garaji. Andingeni ndawo kwimpazamo yabo. Ndijongene nokulahlekelwa ngumsebenzi wam wokwakha indlela kuQumbu phantsi kwesebe lemisebenzi,” utshilo uSiyongwana, othi le moto yakhe ime ngxi nanjengoko yonakele.

“Andazi ndiza kubondla ngantoni abantwana bam xa ndinokugxothwa emsebenzini ngenxa yegaraji endijongela phantsi kuba ndingumntu omnyama. Sele ndifumene izilumkiso eziliqela kumqeshi lo gama le garaji itshona ivela kodwa yiyo eyenze imoto yam yamoshakala. Ndifuna ilungiswe ngoku, kungenjalo ndinikwe enye imoto yokusebenzela abantwana bam,” utsho uSiyongwana.

Le mbambano sele ingene emagqwetheni emveni kokungavumelani komnini wesithuthi nale garaji.

USiyongwana umelwe ligqwetha uZukisa Ntelezi. Isithuthi esimoshakeleyo sixabisa iR110 000, kwaye ixhoba lithi alizange livume ukunyotywa ngemali eyiR2 500 ngomnye wabaphathi bale garaji.

UMava Mkukwana oyimanejala yale garaji eMthatha, uthi isikhalazo sifikile kuye kwiveki ephelileyo wazama ukuhlangabezana nomnini wesithuthi.

“Sizamile ukuyisa kwaBMW eMonti le moto. Inkampani ye-Inshorensi sele siyixelele ngale ngxaki lo nto ibonakalisa ukusabela isikhalazo sakhe. Ingxaki esinayo, uMnu. Siyongwana usoloko enomsindo omkhulu ngale ngxaki, sigqibele singavani,” utsho Mkukwana, ekwathi sele eyifumene ileta yegqwetha likaSiyongwanga.

Le moto isagcinwe kwiziko eliseNorwood de kuhlawulwe iindleko phambi kokusiwa eMonti.