Imozulu engaqhelekanga kunxweme lwephondo

Abahlali beengingqi ezigudle amanxweme eli leMpuma Koloni bagagene nengqatsini yelanga izolo nalapho idolophu yaseBhayi ibihamba phambili ngamashumi amathathu anesithandathu.

Ngenxa yale meko izanuse zezulu zimemelele ukuba izikolo zinqumamise inkqubo yezemidlalo kuba besithi ingqatsini yelanga igabenzakalisa abadlali. Ingingqi yase Port Alfred nase- Plettenburg Bay zikwagagene nale ngxaki yelanga elithisa ngamandla.

Ingingqi yase-Addo naseTinarha nayo ifumene ilanga elibushushu bukumashumi amathathu anesithandathu ukusukela ngentsasa yayizolo.

Le ngxelo ihambisa ithi, namhlanje kulindeleke ukuba kubekho ukuphola kwezi ndawo, kodwa ngoLwesine kulindeleke ukuba la maqondo ayekuhlala kumashumi amathathu anesine kuninzi leendawo zeMpuma Koloni.

Kulindeleke ukuba kubekho ukuhla kwala maqondo okuzakukhatshwa yimvula kwiindawo ezithile. Izanuse zezulu ngaphambili ziqikelele ukuba iphondo leMpuma Koloni lizakugagana nemeko yemvula emandla ukusukela kwinyanga ephelileyo.

Othethe egameni lezanuse zezulu eMpuma Koloni uGarth Sampson ukwabongoze uluntu ukuba lahlukane nokwenza imisebenzi enzima phantsi kweemeko ezinelanga elishushu.

siyabulela.mqikela@inl.co.za