Impambano yethamsanqa!

Akukho hlanga lungenathamsanqa. Kambe ke amanye amathamsanqa ayacubhula; ndide ndizibuze ukuba ikhona na ngenene into elithamsanqa. Ndibuye ndiziphendule ndithi ikhona, qha elam alifani nelakho.

Ukufumana into engafunyanwanga ngabanye ingaba lithamsanqa? Akubi mhlawumbi oko ukufumeneyo ubumele kukufumana kakade? Andazi, mhlawumbi nawe akwazi.

Okunye okundinika umdla zizinto ezitenxileyo abantu abathi zilithamsanqa. EsiXhoseni ukuwelwa lilindle lentaka lithamsanqa. Kwee! Ndithi ndakugqiba ukungcoliswa yintaka ndiswenkile uthi ndinethamsanqa!

Omnye woonondaba beli phepha lakowethu ukhe wabalula ukuba ezinye zeengcali zesiXhosa, xa ebephanda ngentaka ekuthiwa yingqanga, zithe nokubona ilindle lengqanga lithamsanqa (unondaba uthe ‘ubulongwe’ ke yena, ndase ndaxakwa kukuba nobulongwe kwentaka. Kodwa ke andikho apho kwaye ndiyamqonda ukuba ubebaleka ntoni na).

Ithamsanqa likwachazwa ngeendlela ezingabonisi buthamsanqa, ezingade zibe zililishwa mhlawumbi endaweni yokuba lithamsanqa. Singamakhwenkwe besiwucaphukela kakhulu umqa, sisithi kukudla kwabafazi.

Besiwudla ngokungancedi kwaye sikubona njengelishwa ukuthi wakuya embiza ufike ujanyelwe ngumqa, ede eneendawo engathi ziyalila. Kodwa kukho iqhalo elichaza ithamsanqa elithi ‘ukuwelwa ngumqa esandleni’. Suka! Umqa nalapha ezintweni!

Ithamsanqa likwalishwangusha komnye, nangokwahluka kweenkcubeko. EmaNgesini ukubona isikhova lithamsanqa. Kanti wona amaXhosa atsibela iinkambu zawo achile ishwangusha, asithuke asifanise nento yonke embi. Athi esibiza ngosathana abe esithuka ngonina waso. Isikhova; ithamsanqa elililishwa!

Inqilo yintaka ethanda abantu nethanda ukuba secaleni kwendlela. Wofika ibaleka endleleni phambi komhambi; ithi yakubona ukuba uyayifumana ngamendu ibhabhe, iphinde ichophe kwakufuphi.

Iya kukukhapha ke isenza loo nto, suka apho idinwe khona iphambuke ihambe iihambo zakwantaka. EmaXhoseni lo mkhwa wale ntaka uchaza indlela entle.

Inqilo yintaka yethamsanqa emaXhoseni. Ayizinzi ebantwini into yokuba ngumkhwa wale ntaka lo kwasekudalweni kwayo. Kananjalo lowo uzisikela kwithamsanqa ngokudibana nenqilo ubuya alibale kwangelo xesha lakuphambuka, nantoni na emkholayo adibana nayo angabuyi ayayamanise nenqilo ebedibene nalo.

Ukukhubeka ngelokunene kuchaza ukuba indlela yakho iza kubantle, ngelokunxele kuthethe ukuba iza kubambi.

Kanti loluphi unyawo amele ukukhubeka ngalo umntu kungabikho nto? Kanti ukukhubeka oku akuvi kwayamane nokucoselela ukuhamba kusini na?

AmaXhosa ade aneqhalo elithi ‘unyawo olugidimayo luyayibhuda indlela’; abethetha ukuthini xa kanti akukhutyekwa ngokugidima?

Ukurhawuzelelwa sisandla kuthetha ukuba uza kufumana into entle ngesandla sakho, enokuba kukubulisa umntu owamgqibela kudala okanye kukuphiwa into. Abantu abathanda imali bakurhawuzelelwa sisandla bathi baza kufumana imali. Andikhe ndilandelele ke ukufumanisa ukuba kude kwenzeke na oko. Ayizixakekisi ingqondo yomntu endinguye ngokukhangela ukuba ukurhawuzelelwa akuvi kuchaza ingxaki esikhumbeni kusini na.

Ukukhula komntwana kammelwane abe lulutho phakathi kwekhaya kuthiwa lithamsanqa, ingakumbi kule mihla yentshabalalo yolutsha.

Asizidubi ngokukhangela ukuba kutheni na yena lowo mntwana engathathanga unyawo loontangandini. Oku kuchaza ukuba asizimisele kuqwalasela sifunde ukuze nabethu babenjalo, sithi lithamsanqa.

Zininzi izinto zilithamsanqa kubantu ngabantu. Okona ndikhangela kona ke mna kukuba iyintoni na kanye le nto ilithamsanqa. Akuvi ubani ezikhethela yena na ukuthatha into ngokuba ilithamsanqa ngaphezu kokuba leyo nto ilithamsanqa ngokunokwayo?

Ezinye zezi ntetha azivi zizizangotshe zobuciko bamaXhosa ngaphezu kokuba lithamsanqa? Akuvi ithamsanqa iyinkolelo nje kuphela? Ndoke ndive! Ithamsanqa lakho kuwe mntakwethu! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba