Impilo nendlela yokuziphatha kootitshala ezikolweni

OOTITSHALA abaphilileyo emphefumlweni nasenyameni banegalelo elibonakalayo ekufundiseni baphuhlise abafundi ekwakheni ingomso eliqaqambileyo.

Lowo ngumbono wemanyano yootitshala iNAPTOSA kumsitho wokunika ulwazi ngeendlela zokuziphatha, obujoliswe kootitshala abangamadoda eStirling Institute eMonti. Izihloko ebekugxilwe kuzo ziquka ukuthatha ikhefu emsebenzini xa ungekho kwimo yokufundisa, umakulingwane ngokwesini, impilo yamadoda, kwakunye nendlela yokuziphatha eyamkelekileyo ekuhlaleni.

Obeququzelela lo msitho uPaula Botya uthe, “Uyokhumbula ukuba le yinyanga yesilimela, ixesha elibalulekileyo kumadoda.” Ngokwesintu inyanga yesilimela yinyanga yokwalusa amakhwenkwe, ikwayinyanga apho amadoda abala iminyaka yobudoda. Amadoda awashiyani ngeminyaka, ashiyana ngezilimela.

Izithethi ebezikulo msitho ziquka uNondyebo Tyapolwane wenkampani iBitut Consulting nejongene nemiba yengqesho, uNomsisi Bata ongumkomishinala kwikomishini ejongene noluntu ngokwesini, (Gender Commission), uGqirha Sibaya wekliniki ejongene nempilo yamadoda.

Omnye wabaququzuleli kulo msitho uLindiso Gobile uthe, nangona iNAPTOSA inayo imisitho ejoliswe kwabasetyhini kubalulekile nokuba amadoda abizelwe kwimisitho ekumila kunje. “Iingxaki ezininzi ezikolweni zibangwa ngootitshala abangamadoda, mhlawumbi sukube utitshala ephantsi koxinezelelo ekhaya, ngelinye ixesha ade aze emsebenzini enxilile,” ucacise watsho uGobile.

Ukwathe, “Ukuba sempilweni kootitshala kubalulekile kwiNAPTOSA kwaye kunegalelo lokucutha iingxaki kwimiba yengqesho.” Usihlalo weNAPTOSA eMpuma Koloni uSithembiso Malusi uyichaze iNAPTOSA njengeyona manyano ejongene nomsebenzi wokufundisa, ingenachaphaza landima yezopolitiko.

Uqhube wathi, “eMzantsi Afrika sikwindawo yesibini njengeyona manyano inkulu yootitshala, sinamalungu ayi 54000, i12000 yalo malungu ilapha eMpuma Koloni, nalapho sikwindawo yesibini. EBhayi siyeyona manyano inkulu yootitshala, iSADTU isemva kwethu phaya.”

Uphinde wabalula ngelithi inani eliphezulu kumalungu ale manyano afundisa kwiikholeji zezakhono, (TVET Colleges). OkaMelusi ubalule indima eninzi esele idlalwe yiNAPTOSA kumakulingwane ngokwesini, “Sizama kangangoko ukubambisana ngokwesini ngokulinganayo, kwisigqeba esilawula eli phondo inani lamadoda liyalingana nelabasetyhini. Ndonyulwe njengosihlalo izihlandlo ezibini, ngo2012, nango2014 kuba onke amalungu ayaneliseka yindlela endikhokele ngayo.”

Ukwathe lo mbutho awunamkhethe ngokobuhlanga, unamalungu angootitshala azo zonke iintlanga zeli, “Umongameli weNAPTOSA kuzwelonke uAnthea Cereseto ungowasetyhini, emhlophe ngebala, ekwayinqununu kwisinala yesikolo saseParktown eGoli,” utshilo uMelusi. Ukwathe iNAPTOSA ichasene nootitshala abathandana nabafundi, “Siwayakhuthaza amalungu ethu ukuba angazifaki kwizinto ezifana nezo.

Elithe lafunyaniswa lisenza lo nto siyathethana nalo ngendlela efanelekileyo.” Noxa kunjalo uMelusi uthe, le manyano iyalimela ilungu kwiinkqubo zoluleko ngokwelungelo lobulungu, kodwa amanye amalungu akhetha ukuzifunela umntu wokubamela wabucala ngenxa yemithetho yokuziphatha engqingqwa ekhuthazwa yile manyano.