Impixano kubuKumkani babaThembu

UMasipala weSithili saseChris Hani kwiveki ephelileyo udize ukuba iKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo iza kutyelela ibhunga lalo Masipala eKomani.

Othetha egameni lalo Masipala, uThobeka Mqamelo, ukuqinisekisile oku ngokubhalela amajelo eendaba echaza ngolu tyelelo.

“Ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga, siza kube sihanjelwe nguKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo, ewe kunjalo,” kucacisa uMqamelo.

Okothusayo kukuba kwakulo masipala mnye kukho utyelelo lweKumkani yabaThembu baseRhode, uKumkani uDalimvula Mathanzima kwingingqi yaseGuba. UMqamelo uthi sele behambele phambili notyelelo likaKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo.

“ Igqiza likaKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo belikhokelwe nguNkosi Babalo Papu, uNkosana Zwelenqaba Dalindyebo noNkosi Jezile, kuthethwa ngamalungiselelo,” kutsho uMqamelo.

Kuthwa uDalindyebo uza kuthetha kanye kwizakhiwo zeBhunga loMasipala waseChris Hani eKomani emva kokuqhutywa kweenkqubo zela bhunga.

UKumkani uDalimvula Mathanzima nguye onegunya ngokwendlela ekwabiwe ngayo umhlaba wabaThembu kwingingqi yaseRhode. Oosibonda neeNkosana kwingingqi ezithile kwiSithili saseChris Hani ziyaququzela, zilungiselela utyelelo likaKumkani uDalimvula Mathanzima.

“Ewe ndinalo utyelelo eGuba, andikhumbuli nje umhla, mna andikhange ndaziswe ngotyelelo likaKumkani uBuyelekhaya kweli, ndibona nje ezifowunini kusithwa uyeza,” kutsho uMathanzima.

Oku kucacisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba kukhulu ukungaboni ngasonye kwezi zindlu zikaNdaba. Kwincoko yakhe neSolezwe uKumkani uDalimvula Mathanzima ukuqinisekisile ukuba angamkhapha uKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo xa enokwaziswa ngokusemthethweni.

“Ukuba ndingafumana isimemo esisuka kuye ndingamkhapha uMhlekazi,” kutsho uMathanzima.

Ingingqi aza kutyelela kuyo uKumkani Dalimvula Mathanzima ziilali eziphantsi kukaNkosi Ngangomhlaba Mathanzima. Iilali eziphantsi koKumkani uMathanzima ziqhuba amalungiselelo okwamkela iKumkani eGuba kwiveki ezayo.