Ukuqhambuka kweMpox (Monkeypox) kwihlabathi jikelele kwakhutshwa iingxelo ezidiza ukuba esi sifo sixhaphakile kumadoda athandana namanye. Oku kukhokelele ekubeni kubekwe ibala kumadoda athandana namanye amadoda. Kodwa kuthiwa nokuba uthandana nabani, enye yezinto ezibangela ukusasazeka kwesi sifo kubuninzi babantu olala nabo.
Umbutho wezempilo wehlabathi, iWorld Health Organisation (WHO), ithi umngcipheko wokufumana iMpox awuphelelanga kubantu ababelana ngesondo okanye abathandana nesini esifana nesabo, abantu abathandana namadoda nabaseythini, kunye namadoda alala namanye amadoda.
“Nabani na odibana nomntu oneempawu usemngciphekweni wokufumana esi sifo kwaye nabani na owabelana ngesondo nabantu abaninzi usemngciphekweni,” kutsho iWHO.
EMzantsi Afrika sithetha nje basixhenxe abantu ekuchazwe ukuba baneMpox kumaphondo amathathu (Gauteng, KwaZulu-Natal naseNtshona Koloni) kwaye babini ababhubhileyo ukuza kuthi ga ngoku. Amanani asezantsi xa kuthelekiswa namanye amazwe athe afumana ukuqhambuka kwesi sifo, nangona kunjalo, isaxhalabisa.
Uphando lokuqala lubonisa ukuba bonke abantu abaqinisekisiweyo ukuba banaso esi sifo abanambali yokundwendwela kumazwe anengxaki yokuqhambuka kweMpox.
Isebe lezempilo likazwelonke likwacebise abantu abasebenzisa amayeza abanezigulo ezithile ukuba balandele inkqubo yonyango lwabo nanjengoko abantu abangazityiyo iipilisi beba semngciphekweni wokufumana esi sifo ngenxa yobuthathaka bamajoni omzimba.
Kuthiwa iMpox isasazeka ukusuka komnye umntu ukuya komnye ngokudibana nomntu onesifo seMpox.
Oku kuquka:
- Ukuba ubuso ngobuso – njengokuthetha okanye ukuphefumlelana ngokusondeleyo komnye umntu.
- Ukubambana kolusu nolunye – njengokubamba okanye ukwabelana ngesondo.
- Umlomo othe nca komnye – njengokuncamisa.
- Ukuwola kunye nokuphulula.
- Ukudibana komlomo nolusu – njengokwabelana ngesondo ngomlomo okanye ukuncamisa ulusu.
- Ukubamba izinto – Isifo seMpox sinokusasazeka kuye nabani na ngokudibana namalaphu, kunye nezinto ezingakhange zibulawe iintsholongwane emva kokusetyenziswa ngumntu oneMpox. Oku kuquka izinto ezifana neempahla, izinto zebhedi, iitawuli, okanye izinto zokudlala zokwabelana ngesondo.
Ngexesha lokuqhambuka kweMpox kwihlabathi liphela ngo2022, esi sifo ixesha elininzi sasisasazwa ngokwabelana ngesondo, itsho iWHO.
Isithethi sesebe lezempilo kuzwelonke, uFoster Mohale, uthi phantse bonke abantu ekuthiwa baneMpox eMzantsi Afrika ngabantu abaphila neHIV.
Okwangoku, uMphathiswa wezeMpilo, uGqirha Joe Phaahla uthe bajonge ukufumana amayeza okugonya ngoncedo lwamaziko afana neWHO kunye nogunyaziwe wolawulo lweemveliso zempilo eMzantsi Afrika, iSouth African Health Products Regulatory Authority (SAHPRA).
Ezinye zeempawu ezixhaphakileyo zeMpox ziquka irhashalala enokuhlala iiveki ezimbini ukuya kwiiveki ezine, umkhuhlane, intloko ebuhlungu, izihlunu ezibuhlungu, umqolo obuhlungu, ukudinwa kunye nokudumba kwamadlala (lymph nodes).
Abantu abosulelekileyo ukuza kuthi ga ngoku:
- 08/05/24 – Sedibeng, GP – 35 iminyaka – Yindoda
- 21/05/24 – eThekwini, KZN – 39 iminyaka – Yindoda
- 31/05/24 – eThekwini, KZN – 30 iminyaka – Yindoda
- 03/06/24 – eThekwini, KZN – 33 iminyaka – Yindoda
- 07/06/24 – Tembisa, GP – 37 iminyaka – Yindoda (ubhubhile)
- 12/06/24 – uMgungundlovu, KZN – 38 iminyaka – Yindoda (ubhubhile)
- 13/06/24 – eKapa, WC – 39 iminyaka – Yindoda
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike