IMpox ibhengezwe njengengxakeko yezempilo yoluntu

Umbutho wezeMpilo weHlabathi (WHO) ngoLwesithathu ubhengeze isifo seMpox eAfrika njengengxakeko yezempilo yoluntu kwihlabathi jikelele.

Ngokutsho kwengxelo, isibhengezo siza emva kweengcebiso zekomiti yeIHR Emergency Committee yeengcali ezizimeleyo ezidibene kwaye zaphonononga ulwazi oluvezwe ziingcali ezivela kwiWHO kunye namazwe achaphazelekayo.

Ingxelo ithi ikomiti yazisa uMlawuli Jikelele weWHO, uGqirha Tedros Adhanom Ghebreyesus, ukuba ithatha ukunyuka kweMpox njengengxakeko yezempilo yoluntu exhalabisayo kwihlabathi, enokuthi isasazeke ngakumbi kumazwe aseAfrika nangaphandle kwelizwekazi iAfrika.

“Ukuvela kohlobo olutsha lweMpox, ukusasazeka kwayo ngokukhawuleza kwimpuma yeDemocratic Republic of Congo (DRC), kunye nokuxelwa kwamatyala kumazwe amaninzi angabamelwane kuyakhathaza kakhulu.

“Ngaphezulu kokuqhambuka kwezinye iintlobo zeMpox eDRC nakwamanye amazwe aseAfrika, kucacile ukuba impendulo elungelelanisiweyo yamazwe ngamazwe iyafuneka ukunqanda oku kuqhambuka nokusindisa ubomi babantu,” utshilo uGqr Tedros.

UGqr Tedros uthi iMpox sele ineminyaka engaphezulu kweshumi eDRC, kwaye inani lamatyala axelwayo nyaka ngamnye liye landa.

“Kunyaka ophelileyo, amatyala achaziweyo anyuke kakhulu, kwaye sele inani lamatyala axeliweyo ukuza kuthi ga ngoku kulo nyaka ligqithile kulo nyaka uphelileyo, ngamatyala angaphezulu kwe15 600 kwaye abantu abangama537 babhubhile sesi sifo,” utshilo uGqr Tedros.

Ukusukela nge4 ka-Agasti, bangama24 amatyala aqinisekisiweyo eMpox eMzantsi Afrika, i12 kuwo axelwe eGauteng, ali11 KwaZulu-Natal kunye nelinye eNtshona Koloni. Inani lokubhubha kwabantu ngenxa yesi sifo lihleli kwisithathu.