IMpuma Koloni ikulungele ukuchophela iimviwo zikaGrade 12

Umphathiswa wezemfundo ephondweni, uMandla Makupula

ISEBE lezemfundo eMpuma Koloni lithi likulungele ukubamba iimviwo zokuphela konyaka kwibakala leshumi-elinesibini (Grade 12).

UMphathiswa weli sebe uMandla Makupula uthi iphondo sele likuqoshelisile ukubhaliswa kwamaziko azakuchophela ezi mviwo.

“Abafundi besigxina beMpuma Koloni abazakuthabatha inxaxheba kwiimviwo zikaGrade 12 ka2016, bakuma-94 928,” utshilo uMakupula, esithi banethemba lokuba abafundi bazakwenza ngcono kwesi sihlandlo.

Kule minyaka isibhozo idlulileyo, iphondo leMpuma Koloni lithe gqolo ukuqhuba kakubi kwiimviwo zokuphela konyaka zikaGrade 12.

Kwiimviwo zonyaka ophelileyo, iMpuma Koloni ibikwakwindawo yokugqibela kumaphondo eli emva kokuba ize no-56.8%.

Ukuzama ukulwa noku, isebe ligqibe kwelokukhweba iinqununu ezilikhulu elinamashumi amane esele zisidla umhlala-phantsi ukuba zizokuncedisa.

Ezinqununu zizakuqala ukuncedisa izikolo ezisokolayo ukusukela ngomhla weshumi kweyeDwarha, ukulungiselela iimviwo zikaGrade ezizakuqala kwisithuba esingangeeveki ezintathu ukusukela ngoku.

UMakupula uthi inkqubo yokumakishwa okanye ukuhlolwa kweemviwo zikaGrade 12 izakuqala ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyeNkanga ukuya kutsho koweshumi elinesihlanu kweyoMnga.