Ngokweenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekota yokuqala zonyaka-mali ka2024/2025, iphondo leMpuma Koloni liphondo lesithathu elinezinga eliphezulu lokubulawa kwabantu eMzantsi Afrika. INtshona Koloni lelona phondo linelona nani liphezulu, kulandele uMntla Ntshona okwindawo yesibini ze indawo yesine ibe yiLimpopo emva kweMpuma Koloni.
Oku kuza emva kokuba uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ethethe noonondaba eKapa, nalapho athe wadiza ezi nkcukacha-manani ngoLwesihlanu. Ezi ziinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekota yokuqala zonyaka-mali ka2024/2025 ukusuka kuTshazimpuzi 2024 ukuya kweyeSilimela 2024.
UMchunu udize ukuba izikhululo zamapolisa ezingamashumi amathathu (30) ebezinamatyala amaninzi okubulala zizikhululo eziphuma kumaphondo amane kuphela. Kwezi zikhululo, ezilishumi elinanye (11) kuzo ziseNtshona Koloni, ezisibhozo (8) ziKwaZulu-Natal, ezithandathu (6) ziseMpuma Koloni, ezihlanu (5) ziseGauteng.
UMphathiswa ukwadize ukuba izinga lokubulawa kwabantu kwiphondo ngalinye xa libalwa ngabantu abayi100 000 nganye kwiphondo ngalinye, iMpuma Koloni ihamba phambili nge17,6%, kulandele iNtshona Koloni nge15,3 %, kuze iKwaZulu-Natal nge12,3% neGauteng nge8,3%. Uthe iphondo laseLimpopo liku3,3%, nto leyo eyenza libe lelona phondo likhuselekileyo xa kuthethwa ngezehlo zokubulawa kwabantu.
“Kwesinye isiganeko sokudutyulwa kwabantu abaninzi, esixelwe kwisikhululo samapolisa kuGatyana eMpuma Koloni, abantu abathandathu (6) (amadoda amahlanu (5) aquka umntwana nowasetyhini omnye (1)) badutyulwe babhubha bekwimoto yohlobo lweMazda 3. Ngokwenene ezi ziziganeko eziphazamisayo ekufuneka siqinisekise ukuba aziphindi zenzeke,” utshilo uMchunu.
UMchunu uqhube wathi esona sixhobo sisetyenziswa kakhulu xa kugetyengwa yimipu ingakumbi KwaZulu-Natal, eNtshona Koloni, eGauteng naseMpuma Koloni.
“Imipu ilandelwa ziimela kunye nezinto ezibukhali. Iimela zezona zixhobo zikhethwayo zokubulala eMpuma Koloni naseNtshona Koloni,” utshilo uMchunu..
Kuthiwa kwikota yokuqala kubulawe amapolisa angamashumi amabini ananye (21)–ishumi elinesithandathu (16) kuwo ebengekho emsebenzini aze amahlanu (5) ebesemsebenzini ngethuba ebulawa, inani elikhulu lamapolisa abuleweyo ngawaseMpuma Koloni (5), kulandele iKwaZulu-Natal (4) neNtshona Koloni (4).
“Kwandile ukubiwa kweemoto eMpuma naseNtshona Koloni, iimoto zohlobo lweeSedans, Hatchbacks neeCoupes zezona zithuthi zibiwayo, isikhululo samapolisa saseNyanga sinelona nani liphezulu lamatyala axeliweyo okuqweqwediswa kweemoto, ngelixa isikhululo samapolisa KwaZakhele eGqeberha sibhalise amatyala angamashumi asibhozo ananye (81) okuqweqwediswa kweemoto, nto leyo ephawula ukunyuka ngamashumi amane anesithathu (43) kwikota yokuqala,” utshilo uMchunu.
UMchunu ukwadize ukuba lisaxhalabisa inani lokuphangwa kweeveni ezithutha imali KwaZulu-Natal, eMpuma Koloni naseGauteng nangona lilonke lehlile. “Siza kudibana neenkampani ezahlukeneyo zeemoto ezithutha imali ukuze sixoxe ngamanyathelo ajolise ekuthinteleni olu lwaphulo-mthetho,” utshilo.
Iphondo leMpuma Koloni libone ukwanda kolwaphulo-mthetho, ingakumbi oonqevu abafuna imali yokhuseleko ngenkani nokuthe kwagquba kwiingingqi ezahlukeneyo zeli phondo. UMphathiswa uqinisekisile ukuba iqela elikhethekileyo limiselwe ukujongana noku.
“Ukusabela ukunyuka kwezinga lolwaphulo-mthetho eMthatha naseGqeberha, ingakumbi izehlo zoonqevu abafuna imali yokhuseleko, siye sathumela amagosa asuka kumacandelo awodwa ukuya kwezi ndawo.
“Olu ngenelelo lujolise ekulweni nemingeni ethile nokunceda uluntu oluphila nolwaphulo-mthetho oluphezulu kwiindawo abahlala kuzo,” utshilo uMchunu.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!