IMpuma Koloni imise iqela lokuqubisana nentsholongwane yeCorona

Isebe lezeMpilo eMpuma Koloni libhengeze izibhedlele ezithathu zephondo zokuqubisana necoronavirus xa inokuvela. 
Ezi zibhedlele yiLivingstone eBhayi, nekugqitywe ukuba ibesisiza sokunkonya abo banokuthi bafunyanwe benale ntsholongwane. 
Ezinye izibhedlele yiFrere eMonti kwaneNelson Mandela Academic eMthatha. 
Isithethi seSebe, uSizwe Kupelo, uthi kubalulekile ukuqaphela ukuba akukabikho zehlo zale ntsholongwane kweli phondo. 
Iimpawu zale ntsholongwane ziquka iingxaki zokuphefumla, umkhuhlane kwanokhohlokhohlo. 
Abantu bakhuthazwa ukuba bahlambe izandla rhoqo futhi bagqume imilomo xa bethimla okanye bekhohlela.
Kusenjalo, iBotswana ibhengeze ukuba isehlo sokuqala sibikiwe kwela lizwe emva kokuba mntu uthile obesakuba seAddis Ababa eTopiya eqatshelwe kwisikhululo iSir Seretse Khama International Airport ukuba uneempawu zesi sifo.