IMpuma Koloni imxhasa ngokupheleleyo uGordhan

USekela-Mphathiswa uMcebisi Jonas, iNkulumbuso uPhumulo Masualle, uMphathiswa uPravin Gordhan kwanoMphathiswa wezimali nophuhliso lezoqoqosho eMpuma Koloni uSakhumzi Somyo.

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle uthi iphondo limxhasa ngokupheleleyo uMphathiswa wezimali kazwelonke uPravin Gordhan.


UMasualle ukuthethe oku kwiNdlu yasebuRhulumenteni (State House) eBhisho ngoLwesine ngethuba lo kaGordhan ebetyelele kweli phondo ukuza kuthethana neenkokeli zikarhulumente weli phondo ngokumayelana neemeko zoqoqosho kwilizwe liphela.


UMasualle uthi beli phondo bamthembe kakhulu uGordhan futhi abalithandabuzi igalelo alidlalileyo kuqoqosho loMzantsi Afrika. “Kwindlela esithe sasebenzisana naye, thina sibona umntu ozimiseleyo ngomsebenzi wakhe,” utshilo uMasualle.


“Isidanise kakhulu into yokufumana ukuba ngexesha lobunzima (kwezoqoqosho) kuza bakho izinto ezifana nale siyibonayo (yokubekwa amatyala) ezakusidodobalisela uqoqosho. Bekufanele amandla ethu siwachitha ekwakheni uqoqosho lwelizwe.


“Ixesha esikulo lixesha ebekufanele ukuba siyancedisana singabantu baseMzantsi Afrika ukuzihlangula kule meko. (UGordhan) ngumntu esimthembileyo, futhi siza kumnika inkxaso ukugqithela kule micelimngeni izibonakalisayo,” utshilo uMasualle.


UGordhan, obephelekwa lisekela lakhe uMcebisi Jonas, uxelele oonondaba ukuba iinjongo zotyelelo lakhe ephondweni ibikukuza kungqubanisa intloko neenkokeli zoburhulumente wephondo malunga neendlela zokuqubisana nemicelimngeni yoqoqosho.


UGordhan ukwathe i-ofisi yakhe izakuhlala ikwikhonkco lonxibelelwano ne-ofisi kanondyebo wephondo (uSakhumzi Somyo) ngeenjongo zokunika le ofisi iingcebiso zokuqubisana nemiba yolawulo-zimali.


Lo kaGordhan walile ukuthetha ngomba wamatyala awabekwe liGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) esithi oku kusingathwe ngamagqwetha akhe.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za