IMpuma Koloni iphulukene ne-R23.9 billion ngenxa yabantu abafulathela iphondo

UMphathiswa wezeMali uMlungisi Mvoko, ongowesibini ukusuka ekhohlo, eBhisho ngoLwesine UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Urhulumente waseMpuma Koloni ubhengeze ukuba kusukela ngobalo lwabantu lonyaka ka2011, eli phondo liphulukene nemali engange-R23.9 billion ngenxa yabantu abayokufuna amadlelo aluhlaza kwamanye amaphondo. 

Oku kubhengezwe nguMphathiswa wezeMali ephondweni uMlungisi Mvoko ngethuba esenza intetho yohlahlo lwabiwomali eBhisho ngenjikalanga yangoLwesine. 

UMvoko uthi ulwabiwo lwemali olusuka kuzwelonke lujonga amanani wabantu bephondo ngelo xesha. UMvoko ukhuthaze abantu ukuba bathathe inxaxheba kubalo lwabantu kunyaka ozayo u2021 ukuze wonke umntu wasephondweni abalwe. 

Eqaphele ukwehla kwesabelo semali esuka kuzwelonke, uMvoko uthi urhulumente wephondo uqweba amacebo okuzenzela imali ngokwengeniso yangaphakathi ephondweni (Provincial Own Revenue). Ukuza kuthi ga ngoku imali eyenziwa yingeniso yangaphakathi ephondweni sisibini kuphela ekhulwini (2%) xa ithelekiswa nohlahlo lwabiwo lonke lwe-R85.9 billion kunyakamali ka2020/21.