IMpuma Koloni izakusebenzisa iilwimi ezine

Ipalamente yephondo leMpuma Koloni iwupasisile umthetho ogunyazisa ukusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni zeli phondo iOfficial Languages Bill. Ukupasa kwalo mthetho kulandela ingxoxo ende ebiqhutywa yikomiti ejongene nalo mcimbi kumaqonga ahlukileyo kwiphondo ngokubanzi.

Othethe egameni lepalamente uBulelwa Ganyaza uthe lo mthetho ulibaziseke ngenxa yokuba bekunikwa abantu ithuba lokuba bafake izimvo zabo.

“Lo mthetho uxhobisa ukwagunyazisa urhulumente ukuba aqinisekise ukusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni zeli phondo ngokulinganayo,” utshilo uGanyaza. IMpuma Koloni ineelwimi ezisemthethweni ezine eziquka isiXhosa, isiNgesi, isiBhulu kunye nesiSotho.

“Lo mthetho uzakunyanzelisa wonke amasebe karhulumente, inkampani eziphantsi korhulumente nomasipala ukuba baqinisekise ukuba banesicwangciso esisiso malunga nokusetyenziswa kwazo zonke ezilwimi kwizinto ezibhaliweyo,” uthethe watsho uGanyaza. 

Olilungu lombutho weUDM kula palamente uThando Mpulu uvakalise inkxaso yombutho wakhe kulo mthetho. “Siwuxhasa ngaphandle kwamathandabuzo umthetho lo kodwa kufuneka ukuba ukuze ukwazi ukwenza le nto ilindelekileyo kumiselwe amaqonga ajongene neelwimi ngaphakathi emasebeni,” ucacise watsho uMpulu.