Ophindwe wonyulwa njengosihlalo weANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi mayiphele into yokuba eli phondo lithathwe njengenkomo yobulunga ziinkokeli zopolitiko ezifuna izikhundla eziphezulu kulo mbutho.
Lo kaMabuyane uthi kukho oosopolitiki abangabeki nomcondo kweli phondo kodwa mhla balangazelela izikhundla eziphezulu ubona ngabo bengena bephuma ephondweni, bezokuxhwitha kumalungu kaKhongolose inkxaso yokufumana ezo zikhundla.
Uthethe wathi: “Wonke umntu ofuna inkxaso yokudungadunga iANC uyahamba azokuxhwitha eMpuma Koloni. Lo nto sifuna ukuyiphelisa sibe neMpuma Koloni emanyeneyo.”
Bekukho amahemhem athi obesakuba nguMphathiswa wezeMpilo uGqirha Zweli Mkhize ugaya inkxaso yokubuyela kwisikhundla esiphezulu kuKhongolose, kwaye impumelelo kaBabalo Madikizela obe ngunongxowa weANC nobegacele ukuba ngusihlalo wombutho uya kuwanyusa amathuba kaMkhize.
UMkhize kulindeleke ukuba afumane inkxaso emandla emva kokubandakanyeka kwimpumelelo kaZandile Gumede, ophinde wonyulwa njengosihlalo weANC kwisithili saseThekwini.
UMabuyane wakubeka kwacaca ukuba iMpuma Koloni iza kuxhasa uMongameli Cyril Ramaphosa nobeze ngokwakhe ukuzovala inkomfa ebitshisa nequkunjelwe kusuku lwesihlanu kuneziya zintathu zazihleliwe.
Le nkomfa ibikhe yabanjwa yinqontsonqa yomba wamalungu ekufanele ukuba athatha inxaxheba kulawo angavumelekanga.
Abo baxhasa uMadikizela bachithe ixesha besilwela ukuba isithili iDr WB Rubusana mayingabi yinxalenye yale nkomfa kuba kukho isithintelo senkundla esinqanda ukuba ingabambi nkomfa yesithili.
Phofu ke iinzame zokucela umngeni kwinxaxheba yeRubusana kwiNkundla ePhakamileyo eMonti zife namthanyana emva kokuba ijaji ebizwe ngobusuku uJustin Laing ethe asingxamisekanga esi sicelo.
Ngethuba evala le nkomfa uRamaphosa uncome abagqatswa abangaphumelelanga ngokuthobeka nokuxola emva kokuba bexhawule abo baphumeleleyo.
Uthe kubo “Niyohlala nizinkokeli kwiANC nokuba aniphumelelanga kulonyulo, anizukuba ngamakheswa.”
Ukwathe iMpuma Koloni mayibe ngumzekelo kwindlela yokwenza izinto ezifanelekileyo njengekhaya leengqwele kumzabalazo wokukhulula abemi beli.
UMabuyane uphinde wakubethelela ukonyulwa kukaRamaphosa isihlandlo sesibini ngeyoMnga.
NguJonnie Isaac
iGolden Arrows ibethelwe ekhaya yiChippa United emdlalweni weNedbank Cup