iMpuma Koloni ufumene utyalomali oluqabele kwiR127-billion yonke!

UMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni. Umfanekiso: O.P/Facebook.

Inkulumbuso yeMpuma Koloni, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane, inethemba lokuba utyalomalo olwenziwe kutshanje luza kunqanda ukufuduka kwabantu abanezakhono ephondweni lakhe.

UMnu. Mabuyane uwathethe la mazwi kwingqungquthela yotyalomali yephondo leMpuma Koloni ebibanjelwe phezu kolwandle eMonti kwindawo yabakhenkethi ekuthiwa yiEast London International Convention Centre ekupheleni kwenyanga yoMsintsi kulo nyaka.

Ibiyingqungquthela yesithathu le yenyanga ephelileyo ebiququzelelwe nguRhulumente wephondo elinqatyelwe kakhulu yimisebenzi kunamanye amaphondo eMzantsi Afrika ngenxa yokunqongophala kotyalomali kulo.

Ziinkampani ezibalelwa kwishumi elinesibhozo ezithe zenza utyalomalo eluxabisa iibhiliyoni zerandi ezilikhulu elinamashumi amabini anesixhenxe (R127-billion) kumacandelo ohlukeneyo oshishino kwiphondo leMpuma Koloni – enabantu abaninzi abamkela inkam nkam kaRhulumente nabangaphangeliyo.

Oku kwenzeka emva kokuba uStats SA ebekhe wabhengeza ukuba iphondo livelise imisebenzi eliqela kwikota yesibini yalo nyaka. Inkulumbuso ezibophelele ngelithi uRhulumente uza kuzama ukulungisa zonke izinto eziza kwenza umsebenzi wabatyalizimali ube khaphukhaphu.

“NjengeNkulumbuso yeMpuma Koloni, kundinika uvuyo olukhethekileyo ukunazisa ukuba iinkampani ezilishumi elinesibhozo zigqibe kwelokuba zityale imali eyiR127-billion yonke,” utshilo uMnu. Mabuyane ngomhla wokugqibela wengqungquthela.

Kweyokuqala ingqungquthela, utyalomali olwenziwayo yaba yiR22-billion. Yaze imali eyiR105-billion yabhengezwa kwingqungquthela ebikwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka ka2023. “Sizibulela zonke iinkampani ezenze utyalomali kwiphondo lethu,” utshilo uMnu. Mabuyane onethemba lokunqanda ukuhamba kwabantu ngokuveliswa kwemisebenzi.

“Utyalomali olwenziwe ziinkampani ezilishumi elinesibhozo luza kufunqula uqoqosho ekulindeleke ukuba ludale amathuba engqesho amaninzi kutsho kusebenze abantu abatsha. Sizimisele ukuqinisekisa ukuba iinkampani zifumana ingeniso eziyifaneleyo ngokuhlala kwiphondo lethu,” uvale ngaloo mazwi uMnu. Mabuyane.

Utyalomali olwenziweyo luza kuqinisa uqoqosho leMpuma Koloni olixhathise kakhulu ngemizimveliso yeemoto efana neVolkswagen, Isuzu noMercedes-Benz. Konke oku kwenzeka kukho inkampani yakwaStellantis eseyityale imali eqikelelwa kwiR3-billion kunxweme lwaseGqeberha.