Impundulu yamwisela ubudoda bakhe!

UThemba Qasani ongumhlali kwilokishi yakwaTyutyu eBisho othi uneminyaka ephila nempundulu eyamwisela ubudoda bakhe Umfanekiso: BHEKI RADEBE

YIMINYAKA ingamashumi amabini anesibini uThemba Qasani waseTyutyu eBhisho ebhuqwa yimpundulu eyamkhupha emsebenzini, yamwisela ubudoda bakhe emva koko yalala nomfazi wakhe.

Le mpundulu, evela ngelizwi, iyathetha ezindlebeni zikaQasani, ithi makanyamezele iza kumnika “ihlabathi” nemali engangezigidi ezingamashumi amabini (R20 million).

“Lathi [eli lizwi] kwanele ngabantwana bam ababini, landiwisela ubudoda emva koko lavela kunkosikazi ekungathi ndabelana ngesondo naye, kanti lilo eli lilala nonkosikazi wam.

“Emva kokuba [eli lizwi] lilele nonkosikazi wam, ndaye ndalibuza ukuba kutheni lidlwengula unkosikazi wam, ukuphendula lathi mandingayithethi emntwini lo nto kuba liza kundinika ihlabathi,” utshilo uQasani.

UQasani uthi ukruqukile yile mpundulu, kuba kudala esehla esenyuka efuna amancedo ngaphandle kwempumelelo.

“Lithi mandinyamezele kuba liza kundenza uThixo buqu. Lithi uYesu wafa ngoko ke ndim ofanele ukuthabatha indawo yakhe. Landikhupha nakumsebenzi wam eBhisho, lisithi andifanelanga ukuba ndisengqeshweni kuba liza kundinika ihlabathi,” utshilo uQasani.

Uthi mhla wagqiba kwelokuya kumthandazo owawumkhulu eQonce, kwasa eqaqanjelwa ziinyawo. “Ndavuka iinyawo ziqaqamba, kunzima ukuphakama. Emva koko lathetha lisithi alifuni ndiye kula mthandazo kuba ndiza kuthetha izinto zikaThixo,” utshilo uQasani.

UQasani uthi emva kokusokola ngenxa yokuphuma emsebenzini, wagqiba kwelokuba akhe amane ukudlala iLotto.

“Bendimana ndidlala iLotto, ndiman’ ukuphumelela imali. Ndayeka ukudlala iLotto xa lindixelela ukuba liyazazi iinombolo endizidlalayo, ngoko ke mandilibale ngokuphumelela iLotto. Lalivele lizibize iinombolo, esele ndizibhale phantsi,” utshilo uQasani.

Uthi mhla waveza ubudoda bakhe phambi kukagqirha omhlophe esibhedlele, le mpundulu yathetha ngoko nangoko “yathi ayiyithandi into yokuba ndivezele abantu abamhlophe ubudoda bam”.

UQasani uthi emva kokuba efowunele I’solezwe lesiXhosa, le mpundulu ithethile kuye isithi: “Ndiyabona ufowunela I’solezwe lesiXhosa, ndifuna ukwazisa ukuba bendize kuwe ukungcatsha uThixo kuba akade asinike izinto ezintle abesithembise zona.”

UQasani uthi uyile emagqirheni kodwa akazange afumane uncedo. “Elinye igqirha lathi ndinamafufunyana adityaniswe nemimoya yasemangcwabeni. Ndanikwa amayeza kodwa andizange ndincedakale,” utshilo uQasani, othi ukruqukile yimeko aphila phantsi kwayo.

Ixhwele laseNgqushwa uThembele Hanise uthi uQasani uphethwe lilumbo. “Ilumbo sisilwanyana esifakwa emntwini ngemimoya emdaka. Sithi sakufakwa sifike sithethe senze nje unothanda, kumntu lowo ongenwe yimimoya emdaka,” kutsho uHanise.

UHanise ucebise uQasani ukuba aphande banzi ngendawo ekuthiwa kuseMzumbo KwaZulu Natal, indawo athi ineengcungela zokukhupha ilumbo emntwini.

Umfundisi ocele ukuba angachazwa ngegama, uthi uQasani ungenwe ngamadimoni.

“Ukuba uyayifunda ibhayibhile kwiziTyhilelo, uyakuqaphela ukuba kukho indawo ethetha ngokudideka kwabantu. Akekho umntu onokunikwa ihlabathi, kuba ihlabathi lelikaYehova. Lo tata ungenwe yimimoya emdaka egquba kwiindawo zethu zokuphila,” kutsho lo mfundisi.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa lityelele kwaQasani, unkosikazi kaThemba ebengekho ephangele. Ummelwane obuzwe leli phephandaba uthe unalo ulwazi ngengxaki yalo tata.