Imveku ena-5 inomvandedwa emva kokudlwengulwa

INKOSIKAZI yaseDimbaza eQonce ithi impatho-mbi eyifumene kumapolisa ale ndawo ngethuba iyokuvula ityala lokudlwengulwa komntwana wayo oneminyaka emihlanu, yenza iphinda-phindane intlungu yayo yokudlwengulelwa umntwana.

Le nkosikazi, neneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, ithi intombazanana yayo yadlwengulwa kwinyanga yeSilimela emva kokuba wayesatsibe edolophini eQonce, eshiye umntwana nabanye.

“Ndathi xa ndibuya edolophini, umntwana wam wathi ‘mama kubuhlungu kule ndawo yokuchama.’ Ngoko nangoko ndambeka phezu kwebhedi, ndamjonga apho ndafumanisa ukuba udlwengulwe nyhani kuba wayemdaka, eneempawu zodlwengulo,” itsho le nkosikazi.

Le nkosikazi ithi yamsa ekliniki umntwana, kweza amapolisa ze emva koko baya kugqirha kwisibhedlele iGrey eQonce. “Ugqirha wangqina ngenene ukuba umntwana wam udlwengulwe. Emva koko salivula ityala emapoliseni.”

Emva kokuba amapolisa elivulile ityala, le nkosikazi ithi umntwana wasiwa koonontlalontle apho wanikwa unodoli oyinkwenkwe noyintombazana kwathiwa makabonakalise ukuba eli sikizi lenziwe kanjani.

“Nyhani wayenza ngale ndlela ibisenziwa kuye kodwa xa kubuzwa igama lomrhanelwa wakhala umntwana wam. Nam xa ndimbuza ukuba ngubani lo umdlwenguleyo uvele asitsho phezulu isikhalo,” itsho le nkosikazi.

Le nkosikazi ithi umntwana uyayikhomba indlu apho adlwengulelwe khona, qha uyalila xa ebuzwa igama lokuba ngubani lo amdlwenguleyo.

“Amakhwenkwe ale ndlu ayikhombayo mabini, omnye uneshumi elinesixhenxe omnye uneshumi elinesithoba. Asimazi ukuba ngubani odlwenguleyo kuba umntwana uyakhala.”

Le nkosikazi ithi eli sikizi lokudlwengulwa komntwana wayo libangela angaqhubi kakuhle esikolweni, futhi abhuqwe ngumvandedwa umntwana. “Nalapha endlwini usoloko endlongondlongo, futhi uvele umbone sele ezimoshele, into ebekade engayenzi. Eyona nto indenza ubuhlungu kukuba amapolisa akafuni ukwenza umsebenzi wawo, yeyona nto indenza ndonakale emphefumlweni leyo,” kutsho le nkosikazi.

Isithethi samapolisa aseQonce uKapteni Siphokazi Mawisa uthi eli tyala liphantsi kwengqwalasela emapoliseni kwaye basathe gqolo ukuqhuba nophando malunga nale nyewe.