AMAPOLISA abambe inkosikazi eneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) emva kokuba ingcwabe umntwana wayo ephila ebigqiba kumbeleka eXolobe eTsomo.
Le mveku ifunyenwe iphila kwelo ngcwaba emva kokugqiba iiyure ezivisayo iphantsi komhlaba.
Itshantliziyo lamalungelo wabantwana uPetros Majola uthe: “Malunga nenjikalanga ngoLwesibini lo wale veki, amapolisa akrwecwe ngumntan’ egazi okanye mandithi yinkosi ezilalini zaseXolobe eTsomo, nto leyo ekhokelele ekuphandweni kukamama ona-34 obezibelekele ngokwakhe le mveki eneeyure ezimbalwa izelwe”.
“Uvumile umama lo ngelithi usana ebengenamandla olikhulisa kodwa waxoka ngelithi ngeli xesha amngcwaba ngalo ebesele ebhubhile. Abezophando emapoliseni bazamile bencediswa baligrumba ingcwaba bafumana isuthikheyisi nabathe xa beyivula bafumana usana oluyintombazana luphila ngaphantsi komhlaba,” utshilo uMajola.
Umntwana ebesephantsi kweliso loogqirha esibhedlele, utshilo uMajola.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!