Imveku ilwela ubomi logama bebhubhile abahlanu

Iteksi engquzulene nemoto eluhlobo leSUV ngakuTsolo. Umfanekiso: Uthunyelwe

IMVEKU eminyaka mithandathu ilwela ubomi bayo kwisibhedlele iDr Malizo Mpehle
Memorial kuTsolo emva kokusinda kwingozi esube imiphefumlo emihlanu.

Lengozi iquka isithuthi sodidi lweSUV nekhumbi
yehle emva kwemini yangoMgqibelo kuhola uN2.

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe
Kupelo uthe: “Bahlanu abantu abhubhileyo kuquka nabantwana ababini,
umntwana osindileyo usekwimeko emaxongo eDr Malizo.”

Uthe unobangela wengozi awukaziwa.

Ingxelo yabazibonele ngamehlo ithi isithuthi sehlobo leSUV besihamba ngesantya esiphezulu sizama ukudlula ezinye, umqhubi wohlulakala ukusilawula, saze sangquzulana nekhumbi ibisisuka ngaseMthatha.

Abane kwabo baswelekileyo bebehamba ngale SUV, umqhubi weteksi othe wasweleka ebengalayishanga. Ukanti ngentsasa yanamhlanje kwenzakele abantu abahlanu kwingozi phakathi kwedolophu yakwaBhaca neyaseMaxesibeni.

Balithoba ukuza kuthi ga ngoku abantu abasweleke eMpuma Koloni kule veki, kulandela ingozi esube imiphefumlo yabantu abathathu kwakuhola wendlela kaN2 kufutsane neDutywa. Ukanti kusweleke umntu omnye kwenye ingozi eyenzeke ngaseBarkley East.