Sekuphele iveki igalela imvula kummandla waseCala neziphaluka emva kwenkxwaleko ibinde ebangelwe yimbalela kulo mmandla owoyame isikakhulu ngezolimo.
Abanini bemfuyo, amafama asakhasayo kuquka nabahlali ngokubanzi ingakumbi kumqwebedu wendawo yoMchewula abawuvali umlomo ngenxa yenceba abathi bayiphiwe nguQamata yemvula.
Oku bakuvelise ngethuba bethetha nephepha ndaba I’solezwe lesiXhosa, besithi le mvula izakubenza ukuba bonge imali ebebesele beyichitha ngelokusindisa imihlambi yabo.
Umhlali welali yaseMchewula nongumfuyi wemfuyo uNceba Makhohliso oneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu uthe:
“Ndiswele imilomo eliwaka ukuchaza indlela endiziva ngayo ngale mvula kuba besekukubi.
Mna ndiphulukene neenkomo ezintathu kuquka ithole elingakhange ligqibe neveki ebutsheni balo nyaka ngenxa yale mbalela kwaye oku kuye kwenziwa nzima kukutshiswa kwamadlelo kulo mmandla.”
“Kuyabiza ukutya kwemfuyo nto leyo endichane kakhulu kodwa kwicala lokulima ifike sele kusemva kwexesha. Siyambulela uSommandla kuba besingayilindelanga kwale,” utsho uMakhohliso.
UMzolisi Mankayi nongumfama osakhasayo eCala kwilali yaseManzimahle yena uthe: “Mna besendiphila ngokuthutha ukutya kwemfuyo eKomani umhla nezolo nto leyo endichane kakhulu empokothweni kwaye ndiphulukene namathole amabini angakhange ondleke kakuhle kwaye nezi mazi nazo besezitsala nzima.”
USiziwe Tshayingwe nongumhlali waseMthingwevu uthi iimpopi zamanzi besezifana nemihombiso.
“Nomlambo esidla ngokuwusebenzisa ubusele uqala ukoma nto leyo ibinyanzelisa sisebenzise umthombo oseluqolweni phesheya kwesikolo sisiya ngeenyawo kodwa ndiyancoma ngoku kuba konke kubuyele esiqhelweni nangona singenakulima kuba seligqithile ixesha loko,” utshilo uTshayingwe.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro