Imvumi engaboniyo yaseMfuleni yonyulwe kumawonga omculo

Vukile Bomela

EKAPA: IMVUMI yaseMfuleni engaboniyo ecula umculo weGospile nowemveli neyonyulwe kwi-Ingoma Awards icela inkxaso kubalandeli bayo ukuze iphumelele amawonga eBest Gospel Single neleBest Traditional Album ngomhla we25 kweyeThupha eRhawutini.

UVukile Bomela oneminyaka engama65 owazalwa engaboni, waqala ukucula eneminyaka esixhenxe kuphela. Unecwecwe elinye esele elikhuphile elisihloko sithi “Uthando lukababa” alikhuphe kulo nyaka uphelileyo. Umanxadanxada epheka icwecwe lesibini elithi “Uyanaka uJesu”.

Umsebenzi wakhe ude wathathelwa ingqalelo nanjengoko wathi ngomhla we25 kuTshazimpunzi wonyulwa kumawonga abizwa Ingoma aququzelelwa yiIndepent National Gospel Award ngecwecwe lakhe. Icwecwe lakhe “Uthando luka baba” lonyulwe kumculo wemveli noweGospel.

Kungoku nje le mvumi nebizwa ngokuba nguTa Vuks “The Blindman” icela inkxaso yabahlali ukuze iphumelele. Abantu bangavotela le mvumi ngolu hlobo: Ingoma best traditional album Ta Vuks uthumele ku45633 okanye Ingoma best single gospel Ta Vuks uthumele ku45633, umyalezo uxabisa iR1.50.

“Ndiyayidinga nyani inkxaso yabahlali nabalandeli bomculo wam. Ndiyaqala ukonyulwa. Ayithetheki indlela endivuya ngayo. Umculo wam ude wathathelwa ingqalelo. Iwonga lingayinto enkulu kum nanjengoko kudala ndacula,” utshilo uBomela.

Udade wakhe omdala uBuyelwa Bomela, uthe bonwabe kakhulu belusapho nanjengoko ude wathathelwa ingqalelo umculo womntakwabo.

Uthe ukonyulwa kwakhe kubonakalisa ukuba ukukhubazeka akuthethi ukuba umntu akanakwenza nto.

“UVuks zange walibona ilanga. Waphanyaka eneentsuku ezisixhenxe ezelwe. Kodwa jonga ngoku wonyuliwe phakathi kweemvumi ezininzi kwilizwe liphela. Asiwuvali umlomo silusapho. Kusele nje ngoku ukuba abantu bamvotele. Sisikelelekile ngokubanaye kweli khaya,” utshilo.

Umonyuseli weemvumi uAviwe Gqomfa weAvee Connection PR eMthatha, uthe wagqiba ekubeni afake igama likaBomela phakathi kwabo batyunjiweyo emva kokuba wamva ecula kutyelelo lwabo eMthatha bezimvumi ezizimfama.

“Uyawuthanda umculo kwaye unesakhono. Kuninzi angakwenzayo emculweni. Nabanye abakhubazekileyo baza kuvuseleleka. Ukungaboni okanye ukungahambi nokungeva akuthethi ukuba awunakuyenza into eyenziwa ngumntu opheleleyo,” utshilo.