Imvumi yaseGcuwa ishicilela iDVD

Imvumi uBathabile Phikela. Umfanekiso: uthunyelwe

Imvumi yegospile yaseGcuwa, uBathabile Pikela, uthi angangabinanto yonke ayinqwenelayo ehlabathini, kodwa uyazingca ngendlela uThixo amphe ngayo isiphiwo sokucula.

Sele iyiminyaka eliqela ekumculo wegospile uBathabile, esonwabisa uluntu ngezo ngoma zakhe zegospile ezixutywe nesingqi sakwaNtu.

Ngomhla wesihlanu kwinyanga ezayo, uBathabile uzakube esonwabisa abantu bendawo yakhe xa ezakube eshicilela iDVD yomculo wakhe wokholo kwiholo iTRC, kuNdabakazi, eGcuwa.

Eli licwecwe lakhe lesibini elithi Yadanduluka Indimbane. Elokuqala lakhe icwecwe walenza ngonyaka ka-2010 elalisithi Jeremiya Masigoduke.

UBathabile ukhulele enkonzweni ecula uthi kunjalo ayizange ibelula indlela yokuba ade azokufika kwindawo akuyo namhlanje.

“Ngenxa kaThixo ndilapha namhlanje. Xa ethe wakunika isiphiwo sento, nokuba indlela inameva, uyakwazi ukuba aphinde akuphakamise uThixo. Kungoko ndigqibe kwelokuba mandivise abantu basekhaya ubuncwane bomculo ndibulele nenkxaso abathe bandinika yona nabo kumculo wam wokholo,” utshilo uBathabile.

Kushicilelo olu kulindeleke noo saziwayo kumculo wegosipile abangapha kwamashumi amathathu anesibhozo abaphuma kumaphondo ohlukeneyo apha eMzantsi Afrika abafana nooVeliswa Skeyi, Phumla Mfene nezinye. Ukanti nabahlali balindeleke ngobunizni babo ngolu suku.