Imvumi yaseLusikisiki izingomba isifuba ngecwecwe layo

UChunky Jama Umfanekiso uthathwe nguVuyolwethu Luxomo

Imvumi uChunky Jama ugqiba kupapasha icwecwe
lakhe apho ebehlanganise uninzi lweemvumi zaseMthatha ezisakhasayo ngeenjongo
zokuthengisa icwecwe lakhe nokuphuhlisa izakhono zazo. UAbongile Nqubula oneminyaka engama24 ubudala ukhulele kwidolophu encinci yaseLusikisiki apho athe wafunda
amabanga wakhe aphantsi kwisikolo iEmyezweni JSS. 
Uthe wafudukela eRhawutini apho athe
wafunda amabanga akhe aphezulu kwisikolo iSgodiphola S.S.S. Emva kokwenza
amabanga akhe aphezulu uthe waphuhlisa isakhono sakhe sokucula.

UAbongile Nqubula (Chunky Jama) unikeze ngamazwi
obulumko kulutsha olusakhulayo nolunomdla emculweni ngelithi “xa unetalente
musa ukuhlala phantsi uyekelele, sukuma ngeenyawo zombini uzimele geqe, ngokuba
akunyanzelekanga woyame ngento oyifundeleyo, ngokuba impumelelo isezandleni
zakho.”

Ngomhla wamashumi amabini anesithoba
kwinyanga yoMsintsi kulo nyaka, upapashe icwecwe lakhe lokuqala elibizwa “IMPUMELELO”
eZamukulungisa Site, esebenzisa igama lokwaziwa uChunky Jama. 

Uqale ukuqokelela
imali yokupapasha ngokubhalela abantu abanokumxhasa ngemali, abafana noMnumzana Pillay (R800),
uRoute Cab yena waze wabinza ngesithuthi esithe sanceda ukuthutha iimvumi
uNdlovu, Bae Lou Fashion Designer uncedise ngemali engange R3000 kunye
nesinxibo kumsitho ababenawo, uThulisile Decoration wancedisa ngeR2000
ekuhombiseni iholo kunye noThat Guy Entertainment oncedise ngezixhobo
zomculo.

“Amacwecwe wam ndiwathengisa ngokwam njengemvumi
ezimeleyo, kwaye ngoku ndithethayo sikwiphulo lokuthengisa la macwecwe kumakhasi
ezonxibelelwano ekupheleni kwale nyanga.”

UNqubula uthi usebenze noJanele
inzalelwane yaseDutywa kwingoma yesi-2, 12 no 13. Uphinde wasebenzisana noDJ X
oqulunqe icwecwe lonke.  

Uthi umnqweno anawo kukuzibona
efezekisa amaphupha wakhe ngakumbi nangakumb
i.