Imvumi yaseMbizana iya kumabonakude!

Sinelizwi Mbidana

USinelizwi Mbidana ophuma kwilali yaseMagusheni eMbizana uthi iye isenzeka ngokwenzeka imimangaliso ebomini bakhe.

USinelizwi waziwa ngelikaSnerah igama emculweni. Ukutsho oku kuba eza kuvela kwinkqubo kamabonakude Isidingo esidlala rhoqo ngeveki kwiSABC 3.

USnerah uza kuvela ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga siyiqalayo apho aza kube evela njengendwendwe eliza kube licula kwitheko eliza kube libanjelwe kwindawo yokutyela kule nkqubo.

Ze aphinde avele xa kuphela inyanga apho aza kube etyelele abasebenzi baseNew Horizon Deep umgodi owaziwayo kwi-Isidingo, apho uza kube ehleli nabasebenzi balo mgodi.

USnerah sele efotile kwaye yagqitywa nokushicilelwa indawo yakhe aza kube evela kuyo apha kweyeNkanga inyanga.

Uza kube ecula iingoma zakhe ezikwicwecwe lakhe lokuqala elithi “The secrecy”.

Enye yeengoma aza kube esonwabisa ngayo aba badlali yingoma ethi “ Vuka Ndoda” kwakunye nethi “She understands”.

“Kuluvuyo kum ukuba yinxalenye nabantu endiqabuke ndibabukela kumabonakude ndingayazi ukuba nam ngenye imini ndingaze ndisebenze nabo.

Ndifumene amava angenambaliso, ndibona nohlobo ekufotwa ngalo, nto leyo thina babukeli siye sicinge ukuba kulula,” utshilo uSnerah.

Uthi nangona nje eza kube eqala ukuvela kumabonakude ecula ngokwakhe kodwa zona iingoma zakhe kudala zidlalwa kumabonakude. Sele zikhe zadlalwa engavelanga kwinkqubo iRythm City kwi-e.tv.

USnerah uthi ukukhulela emaphandleni akukhange kumvalele ukuba angabikwindawo akuyo namhlanje.

Uthi ufuna ukuba ngumzekelo nakwabanye abantu abatsha abanetalente kodwa abangayaziyo iminyango amabangene kuyo. Uthi ininzi italente eMbizana apho aphuma khona.

“Mna mntu ukwazileyo ukufikelela phezulu ndifuna ukunceda abanye, kungoko ndiqalise iinkqubo zokubakhuthaza abantu baseMbizana apho siye sibafundise ngohlobo amababhale ngalo iingoma, siphinde sibaxhobise nangemingeni,” uvale ngelo uSnerah. Uthi ngengekho kule ndawo akuyo namhlanje ngaphandle kwenkxaso yomlawuli wakhe uSakhe Nzalanzala nongumnikazi wenkampani ethi “Ulalelani ungenamali”.