Imvumi yaseMonti ikwiqonga lakokwayo okokuqala!

Siseko Pame

INZALELWANE yaseDuncan Village eMonti, neyimvumi esandul’ ukuphumelela iwonga leSouth African Music Awards (SAMA) kulo nyaka ka2018, uSiseko Pame, uza kube esonwabisa abahlali baseMonti kule mpelaveki.

UPame uze kubulela kubathandi, abahlobo nabaxhasi bakhe nanjengoko icwecwe lakhe lokuqala ‘Ilanga’ libuye newonga.

Le mvumi, 34, iza kukhwela eqongeni emva kwamahla ndenyuka ehlangabezene nawo ebomini. Intsholo emnandi yexilongo likaPame, iza kwenza abo bakhe baliva ibali elibi ngobomi bakhe balithandabuze.

Waxhatshazwa ngokwesondo ngumqeshi wakhe eseneminyaka eli13 ubudala, apho wayesebenza khona kuba ikhaya lakhe lalingathathi ntweni.

Waphulukana nomtshato eminyaka ingama30, oko yangathi akonelanga, walahlekelwa ngumsebenzi nendawo yokuhlala.

Le mvumi, eyaziwa kakhulu kwiqela lababini lomculo elalibizwa iWise Fools, yaya kwelaseGoli ukuze iziqalele ubomi obungcono.

“Apho kulapho ndaye ndakhuthuzwa khona, ndathathelwa yonke into, ndasala ndingenazo izinto zokusebenza, ndahlala iintsuku ndingenayo nendawo yokuhlala kuba ndandingenamsebenzi,” kubalisa uPame.

Kwesi sithuba kulapho uPame wakhetha ukuzithuthuzela ngesiyobisi sohlobo lwe-crystal meth.

“Zonke ezi zinto bezisenzeka kum, ndizivalele ngaphakathi, ndingathethi namntu. Zange ndikhangele ncedo kuba zange ndiziqwalasele ukuba ndinengxaki. Kungona ndiqala ukuvula umlomo ngezi ziganeko kunyaka ophelileyo.”

“Ndalahlekelwa ngumtshato kuba kaloku ndandigcine umsindo ngaphakathi ithuba elide, ndalahlekelwa kukuzithemba nekhaya lam,” kubalisa uPame, ongutata wabantwana ababini.

“Ndaye ndaqaphela ukuba ukuthatha kwam iziyobisi yayiyindlela yokubaleka izinto endizigcine ngaphakathi kum.”

Kwicwecwe lokuqala likaPame, Ilanga, naphumelele ngalo iBest African Adult Album kwiiSAMA zalo nyaka, libalisa ngobu bunzima agagene nabo, nathi eli cwecwe luphawu lokubonisa ukukhanya nekamva eliqaqambileyo.

“Yiyo loo nto ndilibize Ilanga, kuba oko kuthetha ukukhanya emva kobumnyama,” utshilo.

Ilanga lineengoma ezilishumi elinesihlanu, kwaye ezi ziingoma ezibhalwe nguPame buqu.

ILive Show kaPame iza kube iseGuild Theatre eMonti ngoLwesihlanu we28 kweyoMsintsi ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.

Amatikiti ayafumaneka eComputicket ngeR150, ze ele-R200 likhatshwe sisipho secwecwe lakhe.

simphiwe.freddie@inl.co.za