Imvumi yaseMpuma Koloni izenzela igama

Imvumi yeAfro Pop uSoul Ello Umfanekiso: Uthunyelwe

Imvumi esentsha yeAfro Pop uSoul’Ello uthi ngaphandle kwenkxaso yosapho kwakunye nezihlobo zakhe, iphupha lakhe lokuba yimvumi ngelaphelela emoyeni.

“Amathuba okuba ubonakalise isakhono sakho kwiphondo leMpuma Koloni anqabile, kwaye akululanga ukuba wamkelwe nguye wonke umntu.”

Uthi ukuzithemba kwakhe nokungapheli amandla kuko okumqhubela phambili.

“Ndikhule ndiwuthanda umculo, kwaye notata wam wayengumdlali wepiyano, nto leyo eyenza ukuba umdla wam emculweni ukhule nangakumbi.”

Uthi ingoma yakhe ethi ‘Awuvumi’ ithetha ngamava obomi bakhe kwakunye neziganeko ezenzekayo eMzantsi Afrika.

Le mvumi ithi kudala izama iindlela zokuba ibe yenye yeemvumi ezaziwayo kwaye njengomntu okhulele eGcuwa, waye wahamba waya eRhawutini ngenjongo zokufezekisa eli phupha kodwa nalapho akafumana thuba.

“Kunzima ukufumana amathuba okuzibonakalisa xa usemtsha kwaye amathuba amaninzi umntu uye afumane ukuxhaphazeka, angaphathwa ngokufana nezinye iimvumi.”

ULoyiso Tshangela ongumphathi wale mvumi uthi njengokuba nayo nayiphi na imvumi inabantu ejolise kubo, le ngoma ilungelwe ukumanyelwa ngabo bonke abantu.

“Nanjengoko siyazi imingeni ekujongenwe nayo kweli lizwe, kuquka nokuhlukunyezwa kwabasetyhini, le ngoma iqinisekisa abantu ukuba ilanga liyaphuma nokuba kumnyama kangakanani.”

UTshangela uthi uyakholwa ukuba le mvumi inalo ithuba lokuba yaziwe nanjengoko umculo wayo ukhethekile, kwaye banethemba lokuba lo nto ingenzeka ngoku ilapha kweli phondo.

Le ngoma iyafumaneka kumaqonga onxibelelwano lomnatha kwaye sele idlale kwizikhululo zosasazo ezininzi.