Imvumi yeGospile ifumene isidanga sobugqirha kwezomculo

 

“Umbono endinawo kukuba umculo wethu urhulumente weli awuthathele ingqalelo njengamanye amazwe awenza njalo afana neNigeria elapha eAfrika kwakunye namazwe afana neMelika.”

La ngamazwi kaYongama Mrwetyana oyimvumi yomculo weGospile osandula ukuwongwa ngesidanga sobugqirha emculweni.

Imvumi uYongama Mrwetyana noNjing. M.F Mqirha UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMrwetyana, noyinzalelwane yaseBhaziya eMthatha, uwongwe yiYunivesithi iCarden yaseMelika, abefunda kuyo ngobuxhakaxhaka bale mihla (online) elapha eMzantsi Afrika. Uthi okumsusileyo ekubeni aqhubekeke nemfundo wakhuthazeka ngugxa wakhe owaziwayo ongumdlali weqonga uJet Novuka. Uthi ukholelwa ukuba ulilizwi labo bangakwazi ukuzithethela kwaye ufuna ukubona kwanokwenza utshintsho kweli candelo. Uthi iimvumi zeli zixhaphazeka kakhulu.

“Ndilwela ukuzibona ndisepalamente okanye kumaqonga asesidlangalaleni apho ndiza kube ndimele iimvumi zonke njengoko sijongene nemininzi imingeni kweli loMzantsi siziimvumi. Simelwe ngabantu abangazi kwanto ngezobugcisa kwaye abangakwaziyo esijongene nako thina siziimvumi,” utshilo uMrwetyana.

UMrwetyana uthi uninzi lucinga ukufundela umculo kulula kufana nokusela amanzi kodwa akunjalo kuba kuninzi okungaphakathi abahlohlwa kona nabathi baxhotyiswe ngako.

Kwiminyaka edlulileyo uMrwetyana ukhe wangundabamlonyeni emva kokuba ethe walwela into yezikhululo zikanomathotholo esifana noMhlobo Wenene, ebanga ngelithi unobungqina bokuba sidlala umculo weemvumi ezinyobileyo kuphela, ekhala ngelithi owabo bona banganyobiyo awudlalwa.

Ugxininisile kwakhona esithi useza kuzilwela izinto ezinjalo uphele umkhethe kuba oku kubulala eli candelo.

Waziwa ngengoma yakhe ethi Kuzohlatyelelwa. Sele ephumelele inqwaba yeembasa ngomculo wakhe kwaye unawo namaphulo aqeqesha ulutsha eMthatha.