Imvuselelo yenkolo kaNtu

INkolo kaNtu Traditional Movement ikwiphulo lokuvuselela iingcambu zale nkolo kwiindawo ezahlukeneyo zeMpuma Koloni. Lo mbutho uzakubamba imvuselelo yawo eMahlubini eNgqushwa ngeCawe nalapho kuzakuba kudityaniswe izizwe ezahlukileyo zikhunjuzwa ngobunzulu bale nkolo yakudala.

Othethe egameni lalo mbutho uLoyiso Nqevu uthi inkokeli zabo zizakuba zisenza iintetho ezifundisa nzulu ngale nkolo. “Sivuselela amalungu enkolo kaNtu kuba sisengxakini yokuba abantu bacinga ukuba inkolo bubuKrestu bodwa, ngoku sijikeleza kwiindawo ezahlukileyo sivuselela abantu bethu,” utsho uNqevu. Uhambisa athi amaKrestu afika abalawule emakhayeni, engathobeli iinkolo zalo makhaya enyanzela ukuba kwenziwe izinto ngokwaseNtshona.

“Mna ndizakuba ndixelela loo nginginya yabantu ukuba yintoni inkolo kaNtu ukuze bakwazi ukwahlula phakathi kwenkolo yamaKrestu nenkolo yesiNtu,” utsho uNqevu. Uthi abantu beMpuma Koloni bayayixhasa le nkolo yesiNtu kuba bayawenza amasiko nezithethe zabo emakhayeni abo, kodwa kukho imfuneko yokuba baxhotyiswe nzulu ngenkolo yabo. “Iindawo ezahlukileyo zephondo zibonisa ukuyiqonda le nkolo ngeendlela ezahlukileyo nolwazi lwabo alulingani ngoko ke sinqwenela ukuvala eso sikhewu bahlale bevuselelekile bekhuthele kwinkolo kaNtu,” uthethe watsho uNqevu. UNqevu uthi bayaqala ukusa le mvuselelo eNgqushwa kodwa sele behambe kwiindawo ezahlukileyo ezifana neNgcobo noQumbu kwaye bajonge ukuya phambili bevuselela njengezinye iinkolo.

“Ukubuya kwethu eNgqushwa sizakuya kuMatyhantya eLady Frere ukuze kamva siye kuvala unyaka wethu eBhayi ekupheleni kwalo nyaka,”uhambisa atsho uNqevu. Inkqubo yale mini izakuhonjiswa ziintetho ezifundisa zixhobisa kunye neengoma zakwaNtu zisenziwa ngamaqela ahlukileyo.

Le nkolo yeyona yokuqala kwizizwe ezininzi zamazwe ase- Afrika nethe yacinezelwa isenziwa into engento ukusukela oko kwathi kwafika abasemzini kumazwe akumazantsi e Afrika. Lo ka Nqevu yenye yeengcali nesazi senkolo ka- Ntu esoloko isondla isizwe ngolwazi olunzulu ngale nkolo.